Ngowuphi oyena mdlali ubalaseleyo: nguMessi okanye nguCR7?

Dylan Bettencourt

Sele iyiminyaka kukhona ingxoxo-mpikiswano eqhubayo kubalandeli bebhola ekhatywayo apho bebuza ukuba ngubani kanye kanye oyena mdlali ugqwesileyo phakathi kuka Lionel Messi kunye noChristiano Ronaldo- kodwa kukhangeleka ingathi amasi abekwe elangeni ngakule ngxoxo njengoko sele kuzakucaca icala. 

Ngaphandle kokonwabisa abadlali bebhola ekhatywayo, kubonakala ingathi lendebe yehlabathi izakuza nempendulo kumbuzo ekudala ubuzwa. 

Kungaphikiswana minyaka le ngesisibini, kodwa kukho iwonga ebelisoloko libaphosa, nelinokuthi lizinzise le ngxoxo-mpikiswano ukuba ubani angathi alizuze kule ndebe.

Akukho namnye phakathi kwesisibini owakhe waphumelela indebe yehlabathi. Iqela laseArgentina lazama kakhulu lafikelela kumdlalo wamagqibela kankqoyi kwindebe yehlabathi yonyaka ka2014, kwaye uMessi wafumana imbasa yokuba ngoyena mdlali ubalaseleyo kwitumente yala nyaka nangona zaphanzayo iinzame zokuphumelela indebe. 

Bobabini ababadlali kungenzeka ukuba badlala okukugqibela kwiqonga lendebe yehlabathi njengoko sele kukufutshane ukuba bahlale phantsi. Ukanti omnye kwababadlali ukwazile ukunyusa umxakatho wazibonakalisa ngelixa omnye kubo esaduke emqokozweni.

Ukuza kuthi ga ngoku, indlela adlale ngayo uMessi ibonakalise ukuba uzakuba ngumdlali ongasoze alibaleke kwimbali yebhola ekhatywayo, ubonakalise ukuba ngumdlali ogqwesileyo ngalo lonke ixesha. 

Ubengumdlali oqaqambileyo kwindebe yehlabathi eqhubayo eQatar, ekhokhele ilizwelakhe ngokubonakalisa italente eqaqambileyo. 

Lo mdlali udlalela iParis Saint-Germain ufake amanqaku amahlanu kule ndebe, wancedisa ukufaka amanqaku amathathu ebeka impumelelo yelizwe lakhe ukuba liye kufikelela kumdlalo wokugqibela wendebe yehlabathi. 

UMessi oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu, uphumelele iwonga lokuba ngoyena mdlali ubalaseleyo kwimidlalo emine kwimidlalo emithandathu ayidlalileyo. 

URonaldo ufake inqaku elinye kuphela kulendebe, wafumana isohlwayo sokuhlala esitulweni komnye wemidlalo yeqela lakhe ngethuba kudlala isigaba sokuphuma kulendebe, oku kwamhlaza kumanejala weqela lakhe.

Kucace gca ukuba ubekhona umdlali obenokuphumelela indebe yehlabathi, lengxoxo ibizakufikelela esiphelweni, kodwa oku kungangenzeki.

Umahluko phakathi kukaMessi no Ronaldo usoloko ufana nemini nobusuku, nto leyo yenza kubenzima ukuthethelela lo mdlali wamaPortuguesse. 

Ukuba iArgentina inokuphumelela indebe yehlabathi ngecawa, soze kubekhona mbuzo malunga nokuba ngubani ozakukhunjulwa njengoyena mdlali ubalaseleyo kwibhola ekhatywayo. 

Kodwa imvakalelo ikhomba ukuba yinto esele ibhalwe kwinkanyezi ukuba ekugqibeleni uMessi unokuyiphakamisa indebe yehlabathi, kwilinge lakhe lokugqibela, kuphela ukuba uKylian Mbappe khange abonakalise nto abhinqe ngayo kulomdlalo. 

Umfanekiso ongasentla: Ngu Lionel Messi kunye no Cristiano Ronaldo

Imvelaphi yomfanekiso: TeamTalk