
Inkampani enkulu yamakhasi ezonxibelelwano iMeta, exhuzula imikhala kwiqonga lezonxibelelwano iFacebook izakudliwa imali efikelele kumashumi amathathu anesihlanu ebillion zeeRandi ($2 billion) ngokuphembelela imfazwe yesikhaya egquba kwilizwe laseEthiopia.
Iqonga iMeta ityholwa ngokuvumela kupapashwe izimvo ezinocalucalulo kunye nemiboniso enobundlobongela kweliqonga, nto leyo yaphembelela uhlaselo kule minyaka mibini yemfazwe yeTigray, nalapho kufikelelwe kwisivumelwano soxolo kulenyanga yeNkanga.
Elityala lifakwe ngabemi abenza uphando e-Ethiopia uAbraham Meareg kunye noFisseha osuka kwiqumrhu iAmnesty International, bedibene kunye neqela elilwela amalungelo oluntu eKenya, iKatiba Institute, itsho ingxelo yeqonga leendaba iReuters.
La maqela amemelela inkampani iMeta ukuba imilisele ingxowa mali yamaxhoba ocalucalulo alufumana ngenxa yeqonga lezonxibelelwano iFacebook, yenze utshintsho malunga nendlela elisebenza ngayo eliqonga kwaye liqeshe abantu abathetha iilwimi zasekuhlaleni ukuze bagade iziganeko ezikumila kunje.
UMeareg ongunyana kanjingalwazi wekhemistri eEthiopia, uMeareg Amare Abrha owalandelwa ngoonqevu ebabexhobile bamdubula bambulala ngenyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo. UMeareg uxelele iqonga leendaba iBBC ukuba utata wakhe owayesaziwa kakhulu luluntu lwaseTigray, wabulawa emva kokuhlaselwa ngeentetho zentiyo kunye nolwazi olungeyonyani olwasasazwa kwiqonga uFacebook.
“Ukuba uFacebook wayekwazile ukunqanda usasazeko lweentetho zentiyo, abeke iliso kwimipapasho eyenziwa kweliqonga, utata wama ngeba usaphila,”utshilo.
Ukanti iqonga likaFacebook lalikwazi ukubeka iliso lanciphisa yonke imipapasho enokonzakalisa uluntu ngapambili. Umzekelo ngenyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo inkulu baphathiswa uAbiy Ahmed wayetyholwa ngokupapasha izinto ezinokubangela ubundlobongela, ngokuba wacela abantu ukuba “bangcwabe bonke abatyeshela imithetho”.Wasuswa ngokukhawuleza lo mpapasho.
Kumnatha wenkampani iMeta, lenkampani ibhale ukuba iyaqhuba “nokumilisela imigaqo ezakuqinisekisa ukuba kwelalizwe wonke ubani khuselekile kwiqonga lethu”.
Le nkampani yongeze ngelithi ilizwe laseEthiopia ilifake kwisigaba sokuba nobungozi bexeshana kwaye ithatha amanyathelo ukuqinisekisa ukuba imipapasho yabo ijongiwe ngalo lonke ixesha kwaye iyayisusa imipapasho ephikisana nemigaqo nkqubo yayo.
Iqulunqwe ngu Kamogelo Olaitan
Umfanekiso ongasentla: Uqhankqalazo e-Ethiopia
Imvelaphi yomfanekiso: BBC