Imithwalo sele isemnyango kusodolophu waseThekwini

Ngu Lungani Zungu

Amasi abekwe elangeni, umphokoqo unexhala ngaku sodolophu owombethwe ziingxaki womasipala ombaxa waseThekwini, uMxolisi Kaunda, njengoko inganguye olandelayo emva kokukhiqwa kwesekela lakhe, uPhilani Ndlovu liqela le ANC kunye neEFF.

Ukanti iqela le EFF aliphelelanga apho, lijonge okungaphezulu.

Iingxelo zithi eliqela leminqwazi embomvu lijonge isihlalo sika sekela sodolophu kulomasipala umbaxa, ofumana imali yesabelo efikelela kumashumi amahlanu anesihlanu ebillion zeeRandi, ngendima eliyidlalileyo ukuncedisa iANC ukhuphele ngaphandle uMavundla. 

Ngaphandle kwentsebenziswano nombutho weEFF, iinzame zokususa uMavundla ngeziphanzile kwintlanganiso apho akhutshwe ngevoti yokuphelelwa lithemba ngolwesibini, njengoko iqela leANC lingena sininzi kwibhunga lalo masipala unezihlalo ezingamakhulu amabini anamashumi amabini anesibini.  

UMavundla ngumongameli wombutho iBantu Botho Congress, iqela elanceda umbutho weANC, lisebenzisana namanye amaqela amancinci, ukuba ubuyele kulawulo lwalo masipala emva kokuba wohluleka ukuphumelela ngesininzi kunyulo loomasipala basemakhaya kunyaka ophelileyo. 

Umbutho weANC unezihlalo ezingamashumi alithoba anesithandathu. Ngaphambi kokuphulukana nezihlalo ezilishumi elinesithandathu lo mbutho ukhe walawula ngesininzi. Kunyulo lwango 2016 lo mbutho wafumana isininzi sika 56%, kodwa kunyaka ophelileyo eliqela lohluleka ukufikelela kumyinge ka 50% layofikelela ku 42% nto leyo yayithetha ukuthi baphulukene nolawulo.  

Ngokuncedwa ngumbutho weEFF onezihlalo ezingamashumi amabini anesine kwibhunga lalo masipala, umbutho weANC ngoku uziva usemandleni kwelibhunga kodwa oku kukusithela ngesebe le nkawu njengoko bephantsi kofefe lweEFF.

Kukholeleka ukuba umbutho weANC kunye neEFF bafumene iqhinga abazakumsusa ngalo esihlalweni uKaunda – osoloko ejamelene nokugxekwa kutsha nje ngenxa yomgangatho ongonelisiyo wamalwandle aseThekwini. 

Imithombo enolwazi malunga nokususwa kukaKaunda ithi umbhalo sele usedongeni.

“Bazakusebenzisa ukohluleka kwakhe ukucoca idolophu yaseThekwini njengesizathu sokuba bamcele arhoxe kwisikhundla sakhe sikasodolophu. Ukuba uyala ukurhoxa uzakunyanzeliswa ukuba asuke ngokufanayo nakuMavundla,” utshilo uceba wombutho weANC eThekwini. 

Ukanti uceba wombutho weANC uNkosenhle Madlala, okwangu sekela sihlalo wombutho weANC kwingingqi yaseThekwini, ulindele ukuthatha iintambo njengosodolophu omtsha walomasipala emva kokuwa kukaKaunda. 

Amarhe athe ndii ukuba lo kaKaunda uzakususwa esihlaweni ebutsheni bonyaka ozayo. 

Ngelixa umbutho we EFF kungabonakali ncam ukuba uceba ntoni.

UNkululeko Ngubane ongunobhala wombutho weEFF eThekwini uthe: “Asikagqibi ekubeni sifuna ntoni kanye kanye kumasipala waseThekwini okwangoku. Into ebesifuna ukuyenza kukususa uMadlala kwesasihlalo.”

Uthe zonke izigqibo malunga nobume balombutho kumasipala waseThekwini zizakuvela kwiinkokheli zalombutho kuzwelonke, ziziswe kwinkokheli zale ngingqi. 

UMadlala olilungu lombutho weANC khange afumaneke ukuphawula ngoku. 

Umfanekiso ongasentla: Usekela sodolophu waseThekwini uPhilani Mavundla (enxibe isikipha esinemikhono emifutshane) kunye nosodolophu uMxolisi Kaunda osezingxakini kulomasipala. 

Imvelaphi yomfanekiso: @IOL