Uphume etshaya uRamaphosa kwinkqubo yotshutshiso

Ngu Lungani Zungu

Asengxakini amalungu amahlanu ombutho weANC avotele ukuba ithathelwe ingqalelo ingxelo ka Section 89 epalamente, nto leyo echasene ngokupheleleyo nomyalelo obukhutshwe ngulombutho kwintsuku ezimbalwa ezidlulileyo.

Intlanganiso yekomiti elawulayo yombutho weANC ininike amalungu ayo umyalelo wokuba bavotele ukuba ichithwe ingxelo yasePhala Phala njengoko umongameli sele eyithathile ukuze iphononongwe. 

Ingxelo yekomiti kasection 89 ebikhokelwe nguJuctice uSandile Ngcobo osele esidla umhlala phantsi, ifumanise ukuba uRamaphosa kungenzeka uwophule umthetho weofisi yakhe kunye neminye ehambiselana norhwebo lwezimali kunye neminye imithetho elawula irhafu. 

Inkokeli zombutho weANC ziyikhabile lengxelo ngelithi ayiphelelanga, kwaye ayinabo ubungqina ingakumbi xa kujongwa inkqubo yekutshutshiswa koMongameli.

UNkosazana Dlamini Zuma, uSupra Mahumapelo, uMosebenzi Zwane, uMervyn Dirks kunye noThandi Mahambehlala ngabo aba bophule umthetho walombutho.

Usihlalo wombutho weANC uGwede Mantashe uthe lombutho useza kuxoxa ukuba ngawaphi amanyathelo azakuthathwa ngakwesi sihlanu. 

“Sizakuthatha ingxelo siyise kumalungu ekomiti elawulayuo yombutho weANC, sitsho ukuba nanga amalungu amahlanu avote ngokuchaseleneyo nomyalelo weli qela,”utshilo uMantashe.  

Ivoti yangolwesibini ithetha ukuba uRamaphosa ukwazile ukuphepha inkqubo yotshutshiso emva kokuba kumalungu angamakhulu amabini aneshumi elinesine, kumalungu angamakhulu amane evotele ukuba ingathathelwa ngqalelo lengxelo.

Ukanti ngamalungu epalamente alikhulu namashumi amane anesibhozo avotele ukuba ithathelwe ingqalelo lengxelo. 

Elinye ilungu lombutho weANC ebelivotele ukuxhasa lengxelo, liphinde lajika ivoti yalo lamemezela ukuba livotela ukuba ingasetyenziswa lengxelo. 

Kushiyeke nje iintsuku ezimbalwa ngaphambi kokuba kubanjwe inkomfa engundoqo yombutho weANC, uRamaphosa namahlakani akhe afumene isiqabu emva kwalevoti. 

Inkqubo yokuvota yenziwe ngendlela eqhelekileyo – apho amagama amalungu ePalamente ebebizwa, emva koko ilungu litsho ukuba liyayixhasa okanye liyayichasa na lengxelo. 

Isicelo sombutho weATM sokuba levoti ibe yimfihlo sikhatyiwe ngusomlomo uNosiviwe Mapisa- Nqakula. 

Inkonkheli yombutho weEFF uJulius  Malema uphendule ngelithi bazakuya enkundleni bememelela ukuba lenkqubo iqalelwe ngokutsha. 

Umfanekiso ongasentla: Ngu mongameli uCyril Ramaphosa

 Imvelaphi yomfanekiso: @24VisionaryNews