Babecinga iqalwa yimpambano indoda ecoca iindawo ekulahlwa kuzo inkunkuma eNtshona Koloni

Ngu Buziwe Nocuze

Isungule iphulo lokucoca iindawo ekulahlwa kuzo inkunkuma indoda yase Delft kwiphondo leNtshona Koloni. Kwakungekho lula ke ukwenza lomsebenzi kuba abahlali babesithi uqalwa yimpambano. Ezindaba zange zingene kakuhle kuMpendulo Ncubekazi nanjengoko eqale eliphulo kuba engafuni ukuzibona ephantsi koxinzelelo lwengqondo. 

“Ndandihleli endlini ngo2020 ndingaphangeli kwaye lelona xesha lakhe lanzima kakhulu ebomini bam, ndandibona ukuba ndizakuba noxinzelelo lwengqondo kungekudala, kulapho ndaye ndathatha isigqibo sokuba ndijikeleze zonke iindawo ezingekho mthethweni ekulahlwa kuzo inkunkuma ndicoce.” Wathi esajikeleza njalo wadibana namakhoboka eziyobisi acela ukumncedisa. 

“Khange bandincedise simahla ke kuba bekufuneka ndibaphekele ukutya okanye ndibanike imali, ndikwenze nje ithutyana oko ndohluleka kuba andinayo imali.” Ebengagqibeli nje apho kuphela kodwa ubephinda abachebe iintloko.  Esinye sezizatu ezibangele aqale eliphulo kukubona abantwana bedlala kwiindawo ekulahlwa kuzo inkunkuma. “Abantwana badlala nangantoni na ephambi kwabo kuquka izinja ezifileyo ezithi zilahlwe kwezindawo.”

Umnqweno kaNcubekazi kukuba abantu bazixabise iindawo abahlala kuzo kwaye bayeke ukulahla inkunkuma naphi na apho babona khona ibala. “Ubungozi ke kuyo yonke lento kukuba abantwana bazakugula, ngento ebekungafanelanga ukuba yenzekile.”

Akagqibeli nje ngokucoca ezindawo kodwa uya naselwandle. “Indenzela iintloni indlela abantu abenza ngayo izinto, ungcolisa njani endaweni oyisebenzisayo yintoni enzima ukufaka izinto ezimdaka emiqgomeni yazo kuba ikhona.” Kweli phulo alenzayo iiplastiki uyazithengela, umnqweno wakhe kukuba isixeko saseKapa sincedisane naye ngokumnika rhoqo ngenyanga.

ULusindiso Giba nongumhlali oneminyaka engamashumi amane ubudala uliqhwabele izandla iphulo likaNcubekazi. “Mhle kakhulu umsebenzi wakhe kwaye kwakunzima ukukholelwa ukuba wenza lomsebenzi simahla.” Watsho esithi into ebekufanele ukuba bayayenza bekukuhlala kukuncedisa ngemali yokuthenga iiplastiki.

“Noko wenza umsebenzi omninzi engajonganga nzuzo, andiqondi ukuba ikhona ingxaki xa sinokuncedisana naye ngokumnika imali yokuthenga iiplastiki okanye sizithenge simnike ekugqibeleni usindisa abantwana bethu.”

Umfanekiso Ongasentla: UMpendulo eme ngakwithafa alicocileyo

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe