
Ngu Linda Ximba
Eli ibilityeli lesibini kwiinyanga ezimbini kulonyaka uDJ Bheka “BeeKay” evakala egula esemoyeni esasaza.
Oku kuza nanjengoko eligqala lo sasazo likhale ngokuphathwa yinto eliyichaze njenge “iintlungu ezinganyamezelekiyo emqaleni” ngethuba esemoyeni esasaza inkqubo yomculo wesintu, ethi Sigiya Ngengoma.
Ngenyanga yeDwarha kulonyaka uMchunu ubangele inkxalabo ngakubaphulaphuli kunye nabo asebenza nabo ngethuba evala inkqubo yakhe phakathi.
Wayephakathi esasaza inkqubo yakhe ngethuba esiwa isiqaqa. Abavelisi benkqubo banyanzeleka ukuba batshintshebadlale umculo phakathi enkqubeni, nto leyo yashiya ayaphulaphuli bebhidekile. Wancedwa ziindwendwe ezazize kwinqubo yakhe ezakhawuleza zaqhakamshelana neenkozo zoncedo lokuqala.
Endaweni yakhe kwanyanzeleka ukuba bubizwe uLucky Nkosi ukuba ambambele kwinkqubo yakhe,
Kwakhona kulempela veki uMchunu khange akwazi ukuyigqiba ikqubo yakhe eqala ngentsimbi yesixhenxe iye kutsho ngentsimbi yethoba kusasa, emva kokuba ephelelwe ngumoya,
Kulenkqubo ebememe iindwendwe ezinyanga ngamayeza emveli uThulani “Dr 3 seconds” Nkwanyana kunye no Andile Khumalo. Umthombo othembekileyo uthe kuthe kwakucaca ukuba uMchunu akazukwazi ukuqhubeka.
Kwakhona umanejala wesisikhululo ukhawuleze wabiza uNonhlanhla “Mroza” Buthelezi ukuba azogqibezela lenkqubo.
Kwiinzame zokuqhakamshelana noMchunu ukuva malunga nempilo yakhe, ethandabuza, uthe iqonga leendaba iScrolla.Africa maliqhakamshelane ne candelo lezonxibelelwano laseSABC.
Emva kokubuzwa eminye imibuzo uthe: “Ndivele ndeva into iintlungu eziganyamezelekiyo emqaleni, nto leyo yabangela ukuba kubenzima ukuphuma kwelizwi. Lento imbi kwaye iyoyikisa, kodwa ndicela nithethe nabaqashi bam.”
Ukanti uGugu Ntuli weSABC ibenye kuphela impendulo yakhe “uMroza nguye athathe intambo zenkqubo kaBeekay.”
Umfanekiso ongasentla: UDJ woKhozi FM uBeekay Mchuhu
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe