Kutyholwa ikhankatha ngokulahleka komkhwetha

Ngu Songeziwe Mapukata

Njengoko ilisiko kwilali yase Qalane phantsi kweQweqwe eMpuma Kapa, ukuba umkhwetha akhululwe yingcibi kwisikolo solwaluko ukuba ayokululama kufutshane nekhaya lakhe. Kwabanjalo nakuNtsikayomzi Mdladla, owaduka kwiiyure nje ekhululwe. 

UNtsikayomzi wagoduka noyise kunye nekhankatha ababezakumkhathalela de abe upholile, kodwa lomkhwetha uneminyaka engamashumi amabini ananye wavele wanyamalala. 

Wanyamalala kuronta awayelala kuwo ngomhla wamashumi amabini anethoba kweyeNkanga kwaye akakabonwa kude kubenamhlanje. 

Umamawakhe uNonyameko Mdladla uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba, beva izinja zikhonkotha phandle kanye ngethuba babegqiba kutya isidlo sangokuhlwa.

“Utatawakhe waphuma wayakujonga ukuba kwenzeka ntoni, wabuya endixelele ukuba ikhankatha lithi umkhwetha ubalekile,” utshilo. 

UNonyameko uthe ikhankatha elalihleli nomhlobo walo, lathi uNtsikayomzi wacela ukuba akhatshwe aye kwityholo elikufutshane ayokuzinceda.  

“Kodwa emva kokuba ikhankatha limxelele ukuba makakhawulezise kuba ingcongcoini ziyabatya, baqalisa bamjonga, bafumanisa ukuba ubalekile, washiya ingubo yakhe,” utshilo lomama. 

UNonyameko olila engathuthuzeleki, uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba uneentandabuzo malunga nale nkcazelo. 

“Apho akhoyo unyana wam akanakutya, akakho ndlini! Akanxibanga, uyagodola kwaye usezintlungwini eyedwa,” utshilo. 

Utata kaNtsikayomzi uGcinikhaya Mdladla, naye uthi iyamkrokrisa indlela elichaza ngayo okwenzekayo ikhankatha. Utyhola ngelithi bakhona abantu abazi kabanzi malunga nokunyamalala konyana wakhe, kunokuba bebaxelela. 

“Amakhwenkwe alapha ekuhlaleni ikhona into ayaziyo angasixeleli yona ngokunymalala konyana wam,” utshilo. 

Kuvulwe ityala lomntu olahlekileyo, kwisikhululo samapolisa eMthatha Central.  

Umfanekiso ongasentla: Ekhohlo nguNonyameko Mdladla kunye nonyana wakhe olahlekileyo uNtsikayomzi Mdladla ekunene

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Songeziwe Mapukata