Izakujamelana nobunzima iMorocoo Kumdlalo wayo neFrance 

Ngu Dylan Bettencourt

Iqela laseMorocco iAtlas Lions lenze imbali ngokuba lilizwe lokuqala kwilizwekazi iAfrika ukuba lifikelele kwisigaba semidlalo eyandulela amagqibela kankqoyi kwidlalo yendebe yehlaba, likhupha amqela aseEurope elinye emva kwelinye. 

Impumelelo engumangaliso yelizwe elikumantla eAfrika yaqala ngokubetha iqela leBelgium elihleli kwindawo yesibini kwihlabathi liphela ngethuba kudlala isigaba samaqela adibeneyo, ngaphambi kokuba lidlulele kwisigaba sokudlalela ukuphuma okokuqala ukusukela ngonyaka ka1986. 

Ukusuka apho iMorocco yaqubisana nelizwe laseSpain ilizwe elilawula umhlaba kwilizwe laseMorocco. Ukanti baphumelela ngemibala eqaqambileyo ngaphandle kwamathandabuzo ngexesha lokukhatywa kwamapenathi.

Baphinde baqubisana nelinye ilizwe elalisungula lingamama Koloniyali iPortugal kumdlalo owawugcwele yimbali. 

Ilizwe laseMorocco lawuphumelela lo mdlalo ngenqaku elinye kwimbande yesikhova, nto leyo yakhokelela ukuba libe lilizwe lokuqala eAfrika ukufikelela kwisigaba samaqela amane okugqibela kwimidlalo yendebe yehlabathi. 

Ngoku iMorocco izakuqubisana nelizwe laseFrance kungekho mngcipheko lijamelene nawo – eli lelinye ilizwe elalifudula lilawula eMorocco kuba lisithi lijongene nezokhuseleko, isithuba esingaphezu kweminyaka engamashumi amane. 

Umnqantsa uyenyukela njengoko ilizwe lase France lizintshatsheli ezikhuselayo kwaye kukhona nembambano yezopolitiko egqubayo phakathi kwalamazwe. 

kubekho ungquzulwana phakathi kwamapolisa nabaxhasi belizwe laseMorocco ngobusuku bangoMgqibelo eParis, ngethuba abaxhasi bebhiyozela impumelelo yeliqela emva kokubetha iPortugal.

Ukuqubisana kwalamaqela kuza ngethuba sele kuphele iminyaka engamashumi amabini kukhona ukungavisisani ngokwezopolitiko kulamazwe mabini – kuleveki kubonakele u Éric Zemmour ongusopolitiki waseFrance egxeka abemi baseFrance  abanenkcubeko yaseMorocco ngokubhiyozela impumelelo yeqela leAtlas Lions. 

Imbali phakathi kwelizwe laseFrance kunye neMorocco isuka kude, nalapho abanye abadlali belizwe laseMorocco abaseQatar bezinzalelwane zaseFrance.

Noxa kunjalo, ngethubaxa lamaqela mabini edlala ebaleni lebhola yonke imbambano yezopolitiko izakube ilibalekile, kwaye iMorocco izakulwela ukuba ifumane indlela yokuya kwimidlalo yamagqibela kankqoyi kwimidlalo yendebe yehlabathi.

Ngaphambi kokuba iqale lendebe, umbono weqela lelizwe laseAfrika eliyinxalenye yamazwe afikelela  kwimidlalo yokugqibela yalendebe ibingayinto ehlekisayo.

Kodwa ngoku lilizwe laseFrance elizakube linomthwalo emagxeni alo ngelixa iMorocco izakube yonwabile  kwaye inalo lonke ilungelo lokuba lizibonakalise.

Ukanti ilizwe laseMorococo lizakubuyela ekhaya ngentshatsheli nokuba zithini na iziphumo zomdlalo wangobusku bangoLwesithathu, kodwa ukubethwa kwe France kuzakubangela isankxwe kuvuselele nenzondo kwihlabathi liphela. 

Ukanti umdlalo wesibini owandulela owokugqibela uzakuqalisa ngentsimbi yethoba ngobusuksu bangoLwesithathu. 

Umfanekiso ongasentla: iqela lseMorocco libhiyoza eQatar.

Imvelaphi yomfanekiso: @FifaWorld Gup