
Ngu Lungani Zungu
Umbhexeshi oyintloko weANC uPemmy Majodina uthi lo mbutho uyayiqonda into yokuba amanye amalungu epalamente “anobutshaba” aceba ukuvotela ukuba ithathelwe ingqalelo ingxelo emalunga nebholo lasePhala Phala ngolwesibini.
Uthumele isilumkiso esingqingqwa kumalungu alombutho anothi avotele ukuba lengxelo ithathelwe ingqalelo – nto leyo ingahlahla indlela yokuba umongameli ucyril Ramaphosa atshutshiswe.
“Sizakuthatha amanyathelo ngakumalungu ethu azakuvota ngokuhambiselana nemibutho ephikisayo kwingxelo emalunga nePhala Phala. Intlanganiso yekomiti elawulayo kwiveki ephelileyo ikhuphe umyalelo wokuba sivotele ukuyikhaba ingxelo ka Section 89. Umyalezo esiwudlulisayo kumalungu alombutho ngowokuba wonke ubani otyeshela lomyalelo uzakuphendula,” utshilo exelela iqonga leendaba iScrolla.Africa.
Kumalungu epalamente angamakhulu amane, umbutho we ANC unamalungu angamakhulu amabini anamashumi amathathu. Kulindeleke ukuba lenkqubo yokuvota iqhube ngolwesibini apho kuzakubonakala ukuba iyamkelwa okanye iyakhatywa kusini na ingxelo yebhodi ezimeleyo kaSection 89.
Le bhodi, ngokukhokhelwa nguJustice Sandile Ngcobo osele esidla umhlala phantsi ifumanise ukuba uRamaphosa kungenzeka likhona ityala ekufuneka ephendulile kulo, malunga nokufihlwa kogqekezo kwifama yakhe iPhala Phala eLimpopo apho kwebiwa imali engamakhulu amahlanu anamashumi asibhozo amawaka eeDollar (R10.2 million).
Ukanti uMajodina walile ukudiza amagama alamalungu kutyholwa ukuba aceba ukuvukela isigqibo salombutho.
Noxa kunjalo, iqonga leendaba iScrolla.Africa liyayiqonda imeko ngokudlana indlebe nemithombo engaphakathi kumbutho weANC ukuba iintshaba zikaRamaphosa ezingamalungu epalamente – kuquka lowo wayesaya kuba yinkulu baphathiswa yephondo laseMntla Ntshona uSupra Mahumapelo – kuthyolwa ngelithi baphembelela amanye amalungu alombutho epalamente ukuba avotele ukuba ithathelwe ingqalelo lengxelo.
Xa ebuzwa malunga nezizityholo, uMahumapelo uhleke wagqiba wavala umnxeba wakhe.
Ungumxhasi owaziwayo, nongagungqiyo walowo wayesakuba ngumongameli weli uJacob Zuma, lowo uRamaphosa athathe kuye iintambo zolawulo okwa lulo notshaba lwakhe, obesoloko elindele ukubona ukuwa kukaRamaphosa ukususela waphumayo elulawulweni ngonyaka ka2018.
URamaphosa ujamelene nokugxekwa okumandla nkalo zonke, ukusukela kwiveki ezimbini ezidlulileyo emva kokukhutshwa kwengxelo emalunga ne Phala Phala.
Ukanti lengxelo ifike ngeveki ebaluleke kakhulu yokuqala kwenkomfa yonyulo yombutho we ANC, ezakuqala ngoLwesihlanu iyo kutsho ngoMvulo eNasrec, eJoburg apho uRamaphosa ezakube elwela ukuba abuyele kwisihlalo sokuba ngumongameli walombutho ityeli lesibini.
Kwesisihlalo uzakube equbisana nalowo wayesakuba ngumphathiswa wesebe lezempilo uZweli Mkhize.
URamaphosa uthathe lengxelo ukuba iqwalaselwe, kwaye kulindeleke ukuba iviwe kwinkundla yomgaqo siseko weli.
Umfanekiso ongasentla: Umongameli uCyril Ramaphosa
Imvelaphi yomfanekiso: @Presidency