IBETHWE NGABAHLALI YABHUBHA INDODA ETYHOLWA NGOKUDLWENGULA

Ngu Doreen Mokgolo

Iqhawulwe ubudoda bayo yaxalutywa ngamatye de yabhubha indoda etyholwa ngokudlwengula intwazana eneminyaka elishumi elinesihlanu.

Umrhanelwa nobeneminyaka engamashumi amathathu anesine ubudala kumatyotyombe ase Ekuthuleni watshintsha ilizwi ukufumana indlela yokungena emzini. 

Ngecawa umhla weshumi elinanye kweyoMnga, abahlali baye baphuma iphulo bekhangela umrhanelwa naphantsi kwezicithi. Bathe bakuyifumana bonda ngayo, baqinisekisa ukuba bamqhawula ubudoda.

Ubudoda bakhe nabo basikwa ngemela babekwa ecaleni komzimba wakhe, owathi walahlwa ethafeni elikufutshane nesikolo samabanga aphakamileyo iLefa Ifa – ekuyindawo ekutyholwa ukuba usenzele kuyo esisihelegu sokudlwengula. 

Umama wexhoba uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba uthe xa efika ekhayeni ngentseni yangeCawa wothuswa kukufumana iimpahla zentombi yakhe zikrazuliwe zalahlwa phantsi. 

Uthe umrhanelwa wakwazi ukungena kwelikhaya ngokuxoka azenze umakazi walentwazana. 

Uthe xa ebona ukuba le ntombazana ayivuli, ukhabe ucango wangena ngenkani wabetha lentombazana ineminyaka elishumi elinesihlanu. 

Emva koko uye wamrhuqa wamkhupha endlini wamsa ethafeni elikufutshane nesikolo samabanga aphakamileyo iLifa Ifa apho amdlengulele khona.

Le ntombazana ixelele umama wayo ukuba idlwengulwe yindoda engaziwayo. Abahlali bazisiwe ngesisiganeko baqalisa ukukhangela umrhanelwa. 

Emva kokuba bemfumene umrhanelwa, waqinisekiswa lixhoba, lendoda iye yaba sisisilu sokubethwa ngabahlali. 

Omnye wabahlali ebebesisifu ngumsindo uMathew Mthembu uthi bakruqukile kukudlwengulwa kwabantwana kunye namanina kulendawo kodwa abenzi bobubi bafumana izigwebo ezilula. 

“Esi siganeko sizakuthumela umyalezo nakwezinye izidlwengu nabophuli mthetho ukuba zidlalele kude nendawo yethu,” utshilo uMthombeni. 

“Le ntombazanana ibilele ekhayeni layo ngethuba umrhanelwa ephazamisa uxolo lwayo emxhaphaza. Ngoku ufile kwaye indawo yethu ikhuselekile kwakhona.” 

Isithethi samapolisa Kwa-Thema uSergent Nkululeko Magudulela uthe, umrhanelwa oswelekileyo ufunyaniswe enenxeba elivulekileyo entloko kwaye ilungu lakhe lobudoda lisikwe ngesikhali esingaziwayo.  

“Siphanda ityala lokubulala nokudlwengula, uphando luyaqhuba.” 

“Simemelela nabani na onolwazi malunga nabantu basekuhlaleni abenze isiganeko beze ngaphambili,” utshilo. 

Umfanekiso Ongasentla: Abahlali bamatyotyombe ase Ekuthuleni

Imvelaphi: Uthunyelwe