
Ngu Masoka Dube
UGqirha Sithembiso Mthembu ukhokele iphulo lesimangalo ngakwisebe lezempilo sokuqinisekisa ukuba amaxhoba anyanzeliswa ukuba avale inzala afumana imali yembuyekezo.
UMthembu ungumsunguli weqela lamatshantliziyo iHer Rights Initiative (HRI) okwa ngomnye wamaxhoba anyanzeliswa ukuba avale inzala, uthe iqumrhu lakhe lisebenzisana ne Women’s Legal Centre.
Ngolwesine, eliqumrhu liphehlele iphulo elijolise ekudaleni iqonga lokumangala ukuze kwenziwe ubulungiswa kumanina anyanzeliswa ukuba akhuphe izibeleko ngethuba enyangelwa intsholongwane kaGawulayo.
Ngethuba intsholongwane kaGawulayo yayigqugqisa kweli ngeminyaka yo 1990 ukuya kwiminyaka yo2000, amanina amaninzi awayefunyaniswa osuleleke yilentsholongwane ayenyanzeliswa ukuba avale inzala ngaphandle kwemvume yawo.
Nangona ukunyanzelisa ukuvala inzala kungavumelekanga kwilizwe loMzantsi Afrika, oogqirha ngelaxesha babezikhupha izibeleko kumanina awayefunyaniswa osuleleke yintsholongwane kaGawulayo ngaphandle kwesilumkiso okanye imvume.
“Sikwiphulo lokuqalisa uphando ngokomthetho, ukunika inkxaso kumaxhoba kunye nokubandakanya amaxhoba kwiinkqubo ezimemelela inkxaso nokufumanisa ubulungiswa ngakumanina anyanzeliswa efakwa uxinizelelo ukuba akhuphe izibeleko,” utshilo.
Umbutho iHRI umele amanina angamashumi asibhozo anesihlanu asuka kwiphondo laKwaZulu-Natal kunye nephondo laseRhawutini.
Iqumrhu iSexual Rights Initiative Geneva kunye neProBono.Org South Africa ngamaqumrhu anika inkxaso ngokusebenzisana neHRI.
UMthembu uthi enye yenjongo zeliphulo kukunikezela ngolwazi ukuze uluntu lwazi kabanzi ngeziphumo zokunyanzeliswa kokuvala inzala kunye neziphumo zokungaphinde ukwazi ukuba nabantwana kwimpilo zamaxhoba.
Kuqikelelwa ukuba amawaka ngamawaka abantu basetyhini abafunyaniswe benentsholongwane kaGawulayo bazibona bejamelene nemeko yokunyanzeliswa ukuba bavale inzala.
Iinzame zokunyanzelisa urhulumente ukuba abonelele amaxhoba ngemali yembuyekezo yaqala ngonyaka ka2015 ngethuba iqumrhu iHRI kunye neWLC zifaka isikhalazo ngokusemthethweni kwikomishoni ejongene nokulingana ngokwesini (iCGE) imele abasetyini abangamashumi amane anesibhozo.
Uxwebhu oluboniswe iqonga leendaba iScrolla.Africa lubonisa ukuba uphando lwekomishoni ejongene nomakulinganwe ngokwesini lwafumanisa ukuba maninzi amanina osuleleke yintsholongwane kaGawulayo anyanzeliswa ukuba avale inzala.
“Oku kubonisa ukuba ilizwe loMzantsi Afrika liwophule amalungelo oluntu angamashumi amabini anesithandathu amanina,” itshilo ingxelo yoluxwebhu.
“Ezinye zendlela ophulwe ngayo amalungelo amanina kuquka ukuba amanina anentsholongwane kaGawulayo anikwe unyango olungafanelekanga, oluvakalisa ubuhlungu obehlisa isidima somntu kunye nokunikwa amayeza abekela phantsi isidima samaxhoba.”
Esinye seziphakamiso kwingxelo yeCGE kukuba isebe lezempilo kufuneka libambe ingxoxo malunga nembuyekezo efanelekileyo ngakumaxhoba.
Isithethi sesebe lezempilo kuzwelonke uFoster Mohale khange aphendule kwimibuzo ebithunyelwe kuye kwiveki ephelileyo.
Umfanekiso ongasentla: Gqr Sthembiso Mthembu
Imvelaphi yomfanekiso: @City Press