Izikhukhula zishiye uninzi lungenamakhaya eJohannesburg 

Iintsuku ezimbini zokuhlaselwa sisichotho zishiye amakhulu khulu abantu bengena makhaya njengoko izikhukhula zitshabalalise izakhiwo ezingamakhulu amabini anamashumi amathathu anethoba, kuquka amakhaya kunye namatyotyombe ukusukela ngomhla wethoba ukuya koweshumi kwinyanga yoMnga.  

Ngokuka David Tembe oyinxalenye yesigqeba sekomiti kasodolophu kwicandelo lokhuseleko lwasekuhlaleni, iinkonzo zoncedo olukhawulezayo bezimaxhaphetshu zixakekiswe ziingxelo ezifika zivela nkalo zonke zifuna uncedo. 

“Iimoto bezitshone emanzini, abantu bevaleleke kuphahla lwezindlu zabo abanye besiwelwa zizindlu ngelixa kukuncinci okuseleyo ukuba kusindiswe.’’utshilo. 

Ummandla weRegion D eKlipspruit eSoweto, uchazwe njengowona uchaphazekileyo, njengoko izindlu ezilishumi elinanye zitshabalele, zishiya abantu abangamashumi asixhenxe anesithathu bengenandawo zokufihla intloko. 

Ukanti eDobsonville konakele imizi elishumi kunye namatyotyombe, ishiya abantu abangamshumi amane anesibhozo bengena makhaya.

UTembe uthe kude kufuphi neDorothy Nyembe eMeadowlands, yimizi engamashumi amahlanu anesibini ekhukhulisekileyo, ibengamatyotyombe angamshumi amane anesibini eMatholesville, ibenga lishumi elinanye eDoornkop kunye nasixhenxe eTshepisong. 

“Kuye wonke ubani izandla bezigcwele njengoko isebe lokhuseleko likhuphe amagosa ukuba aye kulemimandla ukuqinisekisa ukuba bayancedwa baphume abantu abavalelekileyo,” utshilo. 

Nangona ezimpuphuma zingachazwanga njengentlekele yendalo, icandelo elijongene nentlekele kwesisixeko livule iziko lokusebenza elizakubeka imeko esweni, kuhlolwe kwaye kunikezelwe ngenkonzo zokuncedisa. 

Ngokwengxelo ekhutshwe liqonga leendaba iCreamer Media’s Engineering News, uTembe uthe eligqiza lijongene nalentlekele liquka abathathi nxaxheba abohlukeneyo abafana necandelo lezezindlu, iCity Power, isebe lophuhliso loluntu kunye neArhente yezendlela yaseJohannesburg ukubala nje abambalwa. 

Imeko imaxongo kakhulu kwilokishi yaseAlexandra kwindawo iSewetla. Usodolophu walomasipala uMpho Phalatse kunye namalungu esigqeba sakhe batyelele lelokishi ngempela veki. 

UTembe uyichaze imeko yalo mmandla njenge yoluntu olutsala nzima. 

“Iyaqhubeka into yokwakhiwa kwamatyotyombe kunxweme lomlambo nto leyo ibeka uluntu esichengeni sokukhukhuliseka nanini na,”

Lo kaTembe ubethelele into yokuba abahlali mabadlale indima yabo ekuqinisekiseni ukuba bayayilandela imigaqo nkqubo emiselwe ukhuseleko emanzini lisebe. 

Oku kulandela isithwakumbe sokusweleka kwamarhamente alishumi elinesine ngomhla wesithathu kwinyanga yoMnga, ngethuba beye kubhaptizo, intloko yecandelo lokhuseleko lwasekuhlaleni ilumkise iinkonzo ukuba ziqaphele ngokwenza amasiko abeka ubomi babo esichengeni.

“Sisisixeko siyazihlonipha kwaye sizinika ingqalelo iinkonzo. Ilungelo lokuba ukholelwe nakweyiphina inkonzo efunwa nguwe lilungelo elihambisana nomgaqo siseko weli. Yiyo lonto sibongoza amabandla kunye namarhamente awo ukuba bafumane ezinye iindlela zokwenza amasiko abo,” utshilo. 

Iqulunqwe ngu Anita Dangazele.

Umfanekiso ongasentla: Umonakalo obangelwe zimpuphuma kwindawo yaseRegion D

Imvelaphi yomfanekiso: Icandelo lezithuthi kwisixeko iJohannesburg