Inkomfa yeANC: Iyanda imiceli mngeni yezomthetho

Ngu Zukile Majova

Kwiintsuku nje ngaphambi kokuba kuqalise inkomfa yonyulo yombutho weANC, iqela lamalungu alombutho angonelisekanga amangalele lombutho kwinkundla zamatyala.

Eliqela linyanzelisa ukuba kubhentsiswe iinkcukacha zokutyunjwa kwabagqatswa ngamasebe, abanokuba yinxalenye yekomiti elawulayo iNEC . 

Bafuna ikomiti yonyulo yombutho weANC ikhuphe iinkcukacha ezipheleleyo zokuchongwa kwamalungu ngamasebe angaphezu kwamawaka amathathu, emva kokuba amagama wamanye amalungu aziwayo nathandwayo engakhange avele ukuba achongiwe kuluhlu labagqatswa beNEC.

“Ummangalelwa wokuqala ngokwenjenje uyalelwa ukuba apapashe iinkcukacha ezipheleleyo ngeSpreadsheet se-Excel sawo onke amagama abagqatswa abonyulwe ngamasebe ukulungiselela inkomfa ka zwelonke yonyulo yamashumi amahlanu anesihlanu yombutho weAfrican National Congress,” litshilo eliqela kula maphepha enkundla. 

Umbutho weANC uqinisekisile ukuba uzakusikhaba esisicelo singxamisekileyo kwinkundla ephakamileyo yaseRhawutini. 

Ukanti ubulungisa beenkqubo zekomiti yonyulo ekhokelwe ngulowo wayesakuba ngumongameli weli uKgalema Montlanthe,  kutsha nje bufumene ukuphikiswa liqela labaququzeleli abamele usekela Mongameli uDavid Mabuza, owohlulekileyo ukufikelela kumyinge ka25% onyanzelekileyo ukuze akwazi ukungenela ukuba ngumgqatswa ogaqele isihlalo kumalungu amathandathu aphezulu kumbutho weANC. 

Umlingani kamongameli uCyril Ramaphosa azakungenela naye kolunyulo, umphathiswa wesebe lezamanzi nococeko uSenzo Mchunu, akagqatselwanga sihlalo kuluhlu lamalungu aphezulu amathandathu kulombutho. 

Icala elikhokelwe nguRamaphosa ngoku lilindele  ukuba limonyule ngentsuku zenkomfa linethemba lokuba uzokwazi ukufumana inkxaso eyaneleyo ezakufikelela kumyinge ka 25%.

Kwiveki ephelileyo, umongameli wephiko la manina ombutho weANC uBathabile Dlamini wafaka isikhalazo enkundleni, emva kokuba ikomiti yonyulo ilikhuphile igamalakhe kwabo banokuchongelwa izikhundla kwikomiti elawulayo.  

UMotlanthe ubhalele lo kaDlamini imbalelwano esithi ukugwetyelwa kwakhe “ulwaphulo-mthetho olunzima” kubangela ukuba angafaneleki ukungenela unyulo lwelona qumrhu liphezulu lenza izigqibo ezibalulekileyo.

Inkundla yafumanisa ukuba uDlamini waxoka ephantsi kwesifungo ngo 2017 ngethuba kuqhuba uviwo malunga ne-Arhente iSouth African Social Security Agency. 

Igqwetha lika Dlamini uTim Sukazi ubhalele uMotlanthe ngelithi “Sicebise ukuba umntu wethu ayiphikise imbalelwano enimbhalele yona. Ukuza kuthi ga ngoku umntu wethu uzakuqalisa inkqubo yezomthetho ngakuni ukulwela amalungelo akhe ngokomthetho.”

Lowo wayengumbhexeshi oyintloko kumbutho weANC uTony Yengeni, owagwetywa iminyaka emine entolongweni ngenxa yobuqhophololo ngonyaka ka2003, naye ufumene imbalelwano efana nale. 

“Oku kuzakuwubulala umbutho wethu,” ubhale wenjenjalo kwikhasi lika Twitter. 

Umfanekiso ongasentla: Usihlalo wekomiti yonyulo uKgalema Motlanthe echazela oonondaba malunga neziphumo zokuchonga babagqatswa ngamasebe. 

Imvelaphi yomfanekiso: @MYANC