
Ngu Nothando Makhubela
Abafundi bephondo laseMpumalanga bazakugxothwa kwiidyunivesithi zelizwe laseRussia ukuba isebe lezemfundo lela phondo liyohluleka kukubhatala imali yokufunda yababafundi ngoMvulo umhla weshumi elinesibini kwinyanga yoMnga.
Isebe lezemfundo lohluleka ukuvuselela isivumelwano sengqesho kwinyanga yoKwindla kunye ne-arhente enoxanduva lokujongela abantwana izikolo kwidyunivesithi zelalizwe ezilishumi elinanye.
Ababafundi balishiya eli loMzantsi Afrika ngonyaka ka2016 beyofunda kumacandelo afana nezobunjineli, ukhuseleko kumnatha kunye nezifundo zobugqirha.
Ngomhla wesihlanu kwinyanga yoMnga abafundi abalikhulu namashumi amathandathu anesithathu ,kubafundi abangamakhulu amabini anamashumi amabini ananye, bafumana iincwadi ezazibaxelela ukuba bayagxothwa ukuba imali yabo yokufunda ayikabhatalwa kwelalizwe.
USandile Gumede ongumfundi owenza unyaka wokugqibela kwizifundo zobugqirha kwidyunivesithi iSaratov State Medicala University, uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba bafumene incwadi ezibagxothayo kwaye bazityikityile.
“Ukuba imali yethu yokufunda ayihlawulwanga ngomhla weshumi elinesibini kule yoMnga, sizakugxothwa. Unyaka wethu wokufunda kufanele ukuba uphele ngenyanga yesilimela ngonyaka ka2023. Sizakubuyela emakhaya singazifumananga izidanga zethu,” utshilo uGumede.
“Abazali bam abanayo imali yokundibuyisela ekhaya. Ukuba ugxothiwe kufanele ukuba uphume kumasango esikolo kunye nasehostela kwaye kufuneka silishiye ilizwe laseRussia kuba size ngempepha mvume zokufunda. Andazi ukuba ndizakuthini ukuba ndiyagxothwa ngoMvulo.”
“Isebe libanga ngelithi lizakusifunela indawo kwizikolo zaseMzantsi Afrika, kodwa akukho sikolo sizakusinika imvume yokuba siqhubeke nezifundo ebesizenza ngokwe nkqubo yemfundo (curriculum) ebesiyenza kwelalizwe. Isebe lifuna silahle iminyaka esixhenxe yonke yokusebenza nzima ngenxa yokunga kwazi kubhatala,” utshilo.
Isithethi sesebe lezemfundo eMpumalanga uJasper Zwane uthe, isebe liyibhatele imali yokutya yabafundi, eyendawo yokuhlala kunye neyamaphepha mvume okuhlala kwabo kwelalizwe befunda.
“Imali yokufunda izakubhatalwa kuphela xa isebe sele lifumene isigunyaziso sentlawulo esivela kwidyunivesithi ezo bafunda kuzo abafundi,” utshilo uZwane.
“Isivumelwano sengqesho kunye ne-arhente eyayichongwe ukuba ikhokhele lomsebenzi safikelela esiphelweni, kwaye umphicothi zincwadi waphawula izinto ezingafanelekanga malunga nesisivumelwano.”
Wafumanisa ukuba kungenzeka ukuba isebe libizwe imali enkulu kunaleyo bekumele liyayihlawula ngalomsebenzi.
Umfundi ofunda kwidyunivesithi iSaratov State Medicala University ocele ukuba igama lakhe lingadizwa uthe: “Aniyazi intlungu yokufunda kwelinye ilizwe iminyaka esixhenxe, uphinde ungakwazi kuthweswa isidanga sakho. Andazi nokuba ndizakufika njani ekhaya.”
Isebe khange lifune kudiza izicwangcwiso zalo ngababafundi ukuba alikwazanga ukuhlawula imali yokufunda yababafundi.
Gqr Sipho Mkhabela, ongulawuli oyintloko yesebe lezemfundo kwelaphondo, obejongene nalo mcimbi unqunyanyisiwe.
Ukunqunyanyiswa kwakhe kulandela utyelelo lweenkokheli zelaphondo kwilizwe laseRussia obelukhokhelwe yinkulu baphathiswa yelaphondo uRefilwe Mtsweni- Tsipane.
Umfanekiso ongasentla: Abafundi bezifundo zobugqirha bephondo laseMpumalanga ngaphambi kokuba bahambe baye eRussia ngonyaka ka2016
Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Rhulumente wephondo laseMpuma langa.