Babandakanyeka kwiyelenqe lokukopa kwakhona abafundi bebanga leshumi eMpumalanga

Ngu Karabo Rammutla

Iqonga lendaba iNews24 ikhuphe ingxelo yokuba ngabafundi abaliwaka nekhulu elinamashumi amabini anesixhenxe abasuka kwizikolo zaseMpumalanga ababandakanyeka kule meko.

Kubantwana abaliwaka nekhulu elinamashumi asibhozo anethoba abasuka kumaphondo amathandathu kweli, abatyholwa ngokuba bakopile kwimviwo zabo zebanga leshumi zonyaka ka2022, abaliwaka nekhulu elinamashumi amabini anesixhenxe basuka kwizikolo zephondo laseMpumalanga. 

Kutyholwa ngelithi, ababafundi bahlawula ootitshala imali efikelele kwiwaka namakhulu amahlanu eeRandi ukuze babe yinxaleye yeqela lendibanisela yabafundi abakwikhasi likaWhatsApp, apho kupapashwa iimpendulo zemviwo ngethuba imviwo zisaqhubayo. 

Eli ayilo tyeli lokuqala apho izikolo zephondo laseMpumalanga zibandakanyeka kwibholo lokukopa kwimviwo zebanga leshumi. 

Ngonyaka ka2015 Isebe lemfundo esisiseko laphehlelela iphulo lophando malunga nezityholo zokukopa kweliphondo. 

Ootitshala abalishumi elinethoba abaqeshwe ngurhulumente ezikolweni, bafunyaniswa benetyala lokungaziphathi ngendlela ngokubandakanyeka kwabo kwibholo lokukopa kwabafundi bebanga leshumi kwiphondo laseMpumalanga. 

Ngeloxesha, abatitshala banikwa isohlwayo semali engamawaka amathathu eeRandi, kwaye babhalelwa nencwadi yesilumkiso. 

Ngonyaka ka 1998 isebe lezemfundo kwiphondo laseMpumalanga lagxotha abasebenzi ababini ababe kwizikhundla eziphezulu, ngokubandakanyeka kwihlazo lokupheka iziphumo zebanga leshumi zalonyaka bazinyusa zayakufika kumyinge ka72%. 

Kwityeli lakutsha nje, kukholeleka ukuba abanye bootitshala kunye nabo baqeshelwe ukugada abafundi ngethuba lokubhalwa kweemviwo babancedisile abantwana ukuba bakope.

Kutyholwa ngelithi, ngaphandle kokupapasha iimpendulo zemviwo kwiqonga likaWhatsApp, onogada xa kubhalwa imviwo banikezela ababantwana impendulo ngexesha lokuthatha ikhefu yendlu yangasese, okanye babadlulisele izinqwempu zamaphepha anempendulo kwiholo zokubhala uviwo. 

Isithethi sesebe uElijah Mhlanga uxelele iqonga lendaba iNewzroom Africa ukuba benza uphando ukuqinisekisa ezizityholo zokukopa kwabantwana kwiphondo laseMpumalanga.

“Uphando lokuqala lubonakalisa ukuba ngenene oku kwenzekile,” utshilo uMhlanga.

“Okubalulekileyo kwimeko ezinje kufuneka ube nobungqina obuthembakeleyo obuzakuqinisekisa ukuba umtyholwa ufunyaniswa enetyala kwinkqubo yoluleko. 

Iqumrhu leebhodi ezilawula izikolo iNational Association of School Governing Bodies limemelela ukuba kwenziwe uphando olunzulu, ngelixa umbutho wotitshala iSadtu umemelela umphathiswa wezemfundo esisiseko uAngie Motshekga ukuba aphande ngokukhawuleza ukuze kukhuselwe ukunyaniseka kwemviwo. 

Umfanekiso ongasentla: Umphathiswa wesebe lemfundo esisiseko uAngie Motshekga

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Karabo Rammutla