Avuzwa lukhulu amalungu emibutho yokonga imali

Ngu Buziwe Nocuze

Unyaka nonyaka izigidi zabemi belizwe loMzantsi Afrika babayinxalenye yemibutho ngethemba lokonga imali eyoneleyo belungiselela ukuphela konyaka kunye nonyaka omtsha. 

Ngokwengxelo yequmrhu elijongene nemibutho kweli iNational Stokvel Association of SA, ekuqaleni kwalonyaka, imibutho yayingaphezu kwamakhulu asibhozo amawaka kweli, kwaye inamalungu angaphezulu kweshumi elinanye lezigidi xa idityanisiwe iyonke. Lemibutho iqokelela imali efikelele kumashumi amahlanu ebillion zeeRandi eyongiwa ngamalungu ayo unyaka nonyaka.

Eminye imibutho yongela ukuthenga ukutya, eminye yonga imali yokubhatala imali yesikolo ngelixa kweminye kuthengwa inkomo kwabelwane ngenyama. 

Iqela lamanina alishumi elinanye kunye nendoda enye eKapa, laqala umbutho wokuthenga ukutya, apho bathenga izitampu kwivenkile yokutya abazakuzi sebenzisa ngenyanga yoMnga. 

UAnelisa Lufundo oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu uthi, uziqhwabela izandla ngokuba yinxalenye yeqela elidibanisa imali lithenge izitampu kwivekile yokutya enkulu kweli. 

“Zange ndithandabuze ukuba yinxalenye yabo kuba ndandisazi ukuba inyanga yoMnga izakufika, kwaye ezizitampu zizakundinceda ukuthenga ukutya, iimpahla zesikolo kunye neencwadi zabantwana bam.”

Ukuba sembuthweni, kohluke kakhulu kunokugcina imali uwedwa. 

“Imibutho ikhuthaza ukuziphatha kwaye ukuzincama kubalulekile kuba ulawulwa ngumgaqo siseko wombutho, apho uzofumana isohlwayo xa ungayilandeli imigaqo.”

Inyanga nenyanga lombutho uzibiza ngeBread Winners umntu ngamnye ukhupha imali engamakhulu amane eeRandi bathenge izitampu. 

“Zonke izitampu zethu zokonga imali zigcinwa lilungu elinye, kuba besingafuni ukuzisebenzisa phakathi enyakeni. Sizifumene ngomgqibelo ukuze sikwazi ukuthenga ukutya ngaphambi kweKhrismesi,” utshito uLufundo. 

Ulufundo utsho ecebisa abantu ukuba bazeke mzekweni ukuze bangaxhalabi ngexesha leKhrismesi. 

USinethemba Gqwetha, onguye kuphela ilungu eliyindoda kulombutho uthi wonwabe kakhulu ngokukwazi ukukhupha lemali unyaka wonke. 

“Eli lityeli lokuqala ndisenza oku, kwaye ndibulela uLufundo ngokundicebisa ukuba ndibeyinxalenye yamalungu alombutho. Ngoku ndizakonwabela iKhrismesi ndipholile,” utshilo. 

Eminye imibutho inenani labantu elilinganayo kodwa bakhupha imali engamakhulu amabini eeRandi ngenyanga. 

UNondumiso Payi wathatha isigqibo sokuba abeyinxalenye yombutho wokutya kuba efuna ukwehlisa uxinizelelo alufumanayo ngokwezimali.

“Ixesha leziyunguma zokuphela konyaka liza noxinizelelo, abantwana bafuna iimpahla ezintsha kunye nezipho, kodwa siyayazi ukuba bazakudinga nokutya emva kokuba befumene impahla ezintsha.”

Ukutya akufumene embuthweni kuzakwenza umahluko omkhulu kuba, imali ebezokuthenga ngayo ukutya uzakuyisebenzisa ukuthenga iincwadi. 

Umfanekiso ongasentla: Amalungu ombutho iBread Winners

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Buziwe Nocuze.