
Ngu Thabisa Ndzindzwa
Uluntu lwedolophu yaseMt Ayliff, kwiphondo leMpuma Koloni belusajonge eyokungabina mbane ngenxa yenkqubo yokucinywa kombane ngentseni yangeCawa, ngethuba lusothuswa kukubona umsi omnyama obuphuma kwivekile iSiza kuledolophu.
Uye wanwenwa ngokukhawuleza lo mlilo uqale kwivenkile enye, wonakalisa ezinye ivenkile ezimbini ezitshe zangqongqa.
UMohamid Abrahman oneminyaka engamashumi amabini ethengisa kwivenkile yaseSiza, uthe umonakalo obangelwe ngulo mlilo akakwazi kuwulinganisa nanto.
“Uqale malunga nentsimbi yesibhozo ngentseni lo mlilo uthe gqi kuphahla lwendlu ngasemva wanwenwa usiza ngaphambili. Ndilahlekelwe yinto yonke kuba ubunamandla kakhulu khange sikwazi kusindisa nenye into ngaphandle kwemiphefumlo yethu,” utshilo.
Omnye wabasebenzi bevenkile iSiza, uBabini Sabisa uthe ukulahlekelwa ngumsebenzi ngexesha lokuphela konyaka, yinto angakhange ayicinge.
“Andikayazi ukuba ndizokwenza ntoni ukuyaphambili kuba bendixhomekeke kulomsebenzi, kodwa andiziboni ndiphindela ekhaya eNtabankulu. Ndizohlala ndikhangele umsebenzi – okanye ikhona into endizakuyifumana,” utshilo.
Iinkonzo zezicima mlilo kwisithili saseAlfred Nzo zifumene ingxelo yalomlilo malunga necala emva kwentsimbi yesibhozo ekuseni.
Intloko yezicima mlilo uZolile Vuko uthe akukacaci okwangoku ukuba yintoni ebangele lomlilo.
“Ukufika kwethu ivenkile enye ibisele ivutha, kodwa khange sikwazi ukuwunqanda unganwenweli kwezinye ivenkile kuba iholo ephakathi kwezivenkile yavalwa kwakhiwa ivenkilana, ebangele ukuba lomlilo uthungele lula kwezinye ivenkile,” utshilo.
“Kuninzi esikwazileyo ukukusindisa xa sijonge ubungozi bomlilo, kodwa ngaxeshanye mkhulu omonakalo owenzekileyo. Sikwaze ukuwunqanda lo mlilo kwivenkile iMt Ayliff Motor Spares, kwasinda iivenkile ezintathu kuquka noBoxer Super Stores.”
Kugqoqgo olwenziwe kwintsuku ezintathu ezidlulileyo, uVuko uthe baqaphele into yokuba ezivenkile zigcwele kakhulu kukutya, okupakishwe ngendlela engamkelekanga ukusukela phantsi kuyonqandwa luphahla lwendlu.
Umfanekiso Ongasentla: Iivenkile ezitshileyo eMt Ayliff
Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Thabisa Ndzindzwa