
Ngu Zukile Majova
Angalahlekelwa sisihlalo kuluhlu lweenkokheli ezintandathu eziphezulu kumbutho we ANC, unongxowa walombutho uPaul Mashatile ngenxa yokungafuni ukukhetha icala kwiyantlukwano ekulombutho.
Njengonongxowa jikelele walombutho, okwa libambela nobhala jikelele kwakunye nesekela, lendoda ibinazo zonke izixhobo ezidingayo ezinokumsebenzela ukuba afumane isihlalo sika sekela mongameli wombutho weANC.
Isihlalo esinamandla kangako besizakumnyusa aye kwisikhundla esikhulu salombutho kwinkomfa yonyulo elandelayo ngonyaka ka2027.
Kodwa zimjikele izinto lowo waziwa ngokuba yinkokheli yeAlex Mafia.
Ukusukela ngo2017 kwinkomfa eyayibanjelwe eNasrec, uMashatile wayezenza ngathi uxhasa uRamaphosa eLuthuli House, nto leyo yabangela ukuba uRamaphosa axhase ukuba uMashatile abambe njengonobhala ngethuba uAce magashule enqunyanyiswa, aphinde abambele usekela nobhala emva kokusweleka kuka Jessie Duarte.
Oku kwenzeke kanye ngexesha kubonakala ukuba uyohluleka njengomgcini mafa walombutho. Umbutho weANC wohlulekile ukukhulisa ingxowa mali yawo ukuze ukwazi ukwenza izinto ozibophelele kuzo kwaye abasebenzi be ANC kuphele iinyanga bengafumani mivuzo.
Ngethuba uMashatile kunye noRamaphosa babesavana, umongameli wayekwazi ukukhupha imali yemivuzo yabasebenzi be ANC kwipokotho yakhe kuba esenzela ukuba ingabonakali intsebenzo engekho mgangathweni ye-ofisi kanongxowa.
Kuqalise kwacaca okwe kati emhlophe ehlungwini ukuba uMashatile udlala nje umdlalo, ngethuba exhasa iqela leyantlukwano yalombutho elibizwa ngeTaliban elizinze kwiphondo laKwa Zulu Natal.
Eliqela lalizenza abaxhasi balowo wayesaya kuba ngumongameli weli uJacob Zuma ngelixa lalithatha imiyalelo kuMashatile, owayekhangeleka engenokuchukunyiswa nto ngeloxesha.
Akupheli neveki eliqela lingandwendwelanga uJacob Zuma eNkandla, kodwa lamhlaza esidlangalaleni ngethuba likhaba umgqatswa awayemonyulele isihlalo sobumongameli uNkosazana Dlamini Zuma.
Kungoku nje ikomiti elawulayo yombutho weANC kwiphondo laseKZN izakuya kwinkomfa yonyulo ixhasa icala likaMashatile elikhokhelise lowo wayesakuba ngumphathiswa wesebe lezempilo ongathembakalanga, uZweli Mkhize kwisihlalo sika Mongameli, aze uMashatile abe ngusekela mongameli.
Ilinge lokugqibela lika Mashatile lokothula uRamaphosa esihlalweni libonakele kwiveki ephelileyo ngethuba ezama ukulahlekisa ikomiti elawulayo kuzwelonke yombutho weANC ukuba ibambe intlanganiso engekho mthethweni ngeenjongo zokunyanzelisa uRamaphosa ukuba ehle esihlalweni sobumongameli beli kunye nobombutho weANC.
Eliyelenqe belenziwe ukusebenzisa ithuba lokungathembani nokungaqondi okuvezwe yingxelo engaqinisekiswanga yekomiti kaSection 89 malunga nokufihlwa kokwebiwa kwemali kwifama iPhala Phala, nalapho lengxelo ithi kungenzeka uRamaphosa usophule isifungo awayesenze engena kwi ofisi kamongameli kuquka nemithetho yorhwebo ngemali kunye nemithetho yerhafu.
Iingcinga zokuba uMashatile usengumxhasi othembekileyo kaRamaphosa, ngunobangela wokuba onyulwe ngamasebe alombutho afikelele kwiwaka namakhulu asixhenxe anamashumi alithoba ananye enkqenkqeza phambili kwisihlalo sika sekela mongameli, elandelwa ngu Ronald Lamola ochongwe ngamasebe angamakhulu amane anamashumi amabini anesixhenxe kunye no Oscar Mabuyane owachongwa ngamasebe angamakhulu amathathu anamashumi aluthoba anesixhenxe.
Ngoku iqela lalombutho elihambisana noRamaphosa, liceba ukonyula umphathiswa wesebe lezamanzi kunyenococeko uSenzo Mchunu ngethuba kuqhuba inkomfa ukuba abengumgqatswa kwisikhundla sika sekela mongameli.
Inkulu baphathiswa yephondo leMpuma koloni uOscar Mabuyane, uvumile ukuvula indlela evulela umgqatswa omtsha ingakumbi njengoko efumene isikhundla ityeli lesibini kwiofisi yenkulu baphathiswa yephondo leMpuma Koloni.
Kushiyeke isithuba seveki kuphela ngaphambi kokuba kuhlale inkomfa yonyulo yamashumi amahlanu anesihlanu yombutho weANC, kuninzi okunokutshintsha njengoko amaqela ezama ukulungelelanisa imicimbi yawo bejonge nomakulinganwe ngokwesini ekufuneka ebonakele ingakumbi xakusonyulwa isigqeba sekomiti elawulayo kuzwelonke yalombutho enamalungu angamashumi asibhozo anesithandathu,
Umfanekiso ongasentla: Ngu Paul Mashatile
Imvelaphi yomfanekiso: The Citizen