Ngawaphi amaqela azakufikelela kwamane okugqibela?

Ngu Dylan Bettencourt

EZIPHAMBILI KWEZEMIDLALO: Azokwaziwa ngempelaveki emva kwemidlalo eyandulela amagqibela kankqoyi amaqela amane okugqibela azakusala kwindebe yehlabathi eQatar. 

Emva kweentsuku ezilishumi elinesixhenxe kungekho suku luphakathi ekungekho midlalo ngalo, lendebe yehlabathi sele iqalile ukuba nentsuku ezimbalwa apho kungekho midlalo iqhubayo, oku kuqale ngoLwesithathu nangoLwesine.

Noxa kunjalo lifikile ixesha lokuba amaqela ajonge le aze ngayo kule ndebe, nalapho amaqela asibhozo azakube enyathelana ekhangela isithuba sokuba yinxalenye yamaqela azakudlala kwimidlalo eyandulela isiqingatha sokugqibela.

Kwimidlalo yendebe yehlabathi ekhawuleze  oluhlobo, imidlalo yesiqingatha sokugqibela izakube ibonisa indlela la maqela asondele ngayo empumelelweni.  

Nokuba leliphi na iqela elizakufikelela kumdlalo wamagqibela kankqoyi, lizakuziva ngathi ukhona umtyhi wokuba liyiphakamise indebe ekugqibeleni. Kodwa ukuphuma kwisigaba semidlalo emibini ngaphambi kwemidlalo yokugqibela, kuvakala kuse kude kakhulu noloyiso.  

Iqela laseCroatia libe lelokuqala ukuba libalifikelele kwimidlalo eyandulela umdlalo wamanqam, emva kokuba libethe iBrazili ngamanqaku amane kwamabini, sele kufikekelwe kwisigaba sokukhaba amapenathi ngobusuku bangolwesihlanu. 

Iqela laseBrazil lifike lizintandokazi kwindebe yehlabathi eseQatar, kodwa khange likwazi ukudlula kwiqela elajika kumdlalo wamanqam kwindebe yonyaka ka2018.

IArgentina ibeliqela lesibini ukufikelela kwisigaba samaqela amane emva kokuba libethe Netherlands 

Ngomgqibelo, iMorroco eyothuse uninzi kule tumemente, izakungquzulana notshaba oludala  iPortugal kumdlalo wesiqingatha esandulela umdlalo wokugqibela. 

IMorroco icaphukise uninzi ngethuba ibetha iSpain kumapenathi ebutsheni baleveki. Ngelixa iPortugal idlule ngaphandle kokusebenza nzima kwiSwitzerland.

Ngoku iqela le Atlas Lions linethuba lokwenza imbali. Ukuba bayayoyisa iPortual, bazakuba lilizwe lokuqala kwilizwekazi iAfrika ukuba lifikelele kwimidlalo eyandulela amagqibela kankqoyi.

Umfutho uzakube umninzi kweli qela lamaPortugees emva kokuba lifake amanqaku amathandathu kwisigaba samaqela alishumi elinesithandathu. 

Ukanti iMorocco izakuqubisana ne Portugal ngentsimbi yesihlanu ngomgqibelo. 

Noxa kunjalo, imidlalo yempelaveki  okanye kwa eyendebe, ivala isigaba semidlalo emibini phambi kweyamgqibela kankqoyi – nalapho iNgilane izakube idlala neFrance ngobusuku bangomgqibelo. 

Omabini la macala azakuziva ngathi akulungele ukuthatha lendebe, kodwa kuyanyanzeleka bangquzulane kumdlalo weengangalala. 

Ilizwe laseFrance kunye neNgilane azakuva ngathi impumelelo izakubajulela kumdlalo wamanqam, njengoko la maqela omabini azakube ezintandokazi xa ejamelene neMorocco elinye lijamelene nePortugal. 

Kodwa ke, linye qha iqela elizakusala ngethuba iNgilane izakube iqubisana nentshatsheli eziphetheyo iFrance ngentsimbi yethoba ngokuhlwa kwangomgqibelo.

Yonke imidlalo yendebe yehlabathi iyafumaneka kwitshaneli yeDStv u202.

➔Kwakukhona ixesha apho ibhola yombhoxo yayidlalwa ebusika. Kodwa konke oku yimvelaphi nje. Ukanti kukhona uthotho lwemidlalo yebhola yombhoxo yoMzantsi Afrika apho abathandi bale bhola bazakube bethe nca koomabonakude babo kule mpelaveki. 

Lidinga kubahlali baseKapa njengoko umdlalo weSevens uzakube uqalisa ngolwesihlanu apho iqela lamaBhoko bhoko lihleli enkcochoyini kuthotho lwemidlalo iHSBC Series. Ukanti amaqela eSharks, Stormers kunye neeBulls azakube eyinxalenye yemidlalo yendebe iHeineken Champions Cup, kwaye kufuneka bazise iqondo lomdlalo ophezulu. Ngaphandle kwamathandabuzo izakube ingumdlalo onzima kuwo onke lamaqela. 

Thenga nje ibhiya yakho, wonwabele imvula kwaye ubukele imidlalo emininzi yebhola yombhoxo kunaleyo wawukhe wayicingela.

Yonke imidlalo yebhola yombhoxo iyabukelwa kutshaneli 201 kunye no211 lempelaveki yonke. 

Umfanekiso ongasentla: INgilane iqubisana neFrance

Imvelaphi yomfanekiso: @SkySport