Kukhangeleka ngathi yiKhrismesi kwakhona

Incwadi evela eLimpopo: Indlu egcwele ngabantwana abonwabileyo, yanele ukubuyisa imilingo yobumnandi beKhrismesi kuThabiso Sekhula.

Alifikanga ligalelekile ixesha le Khrismesi kwaye soze uyiphose imibhiyozo yelixesha kweliphondo. Izikolo zivaliwe, izithuthi zigcwele ngabantwana abancinci abatyelela abazali babo kwidolophu ezinkulu, bambi bazokuchitha iiholide nomakhulu babo. Ubumnandi buvakala nasemoyeni. 

Ngexesha lokwamkela umvuzo wakhe wenyanga yeNkanga, usisi wam waye sele eyithumela imali yokuthenga ukutya kweKhrismesi ekhaya, nto leyo ibonakalisa ukuba “uzaku thumela abantwana bakhe kwelicala”. 

Njenga mntu ungekayiqondisisi lento, le izakuba yenye yeholide zokuphela konyaka apho ndizakube ndisekhaya nabo bonke abantwana. 

Kuyacaca ukuba ndiyabathanda abantwana, kuba umzala wam naye uzakuzisa abantwana bakhe ababini. Mna nosisi wam sinabantwana abasibhozo xa bedibene, kwaye kuba sele sibala iintloko zabantu abangaphezu kweshumi elinesibini ngesidlo saku sasa ngeziholide, ndixelele nomnye umzala wam ukuba makazise nabakhe abantwana ababini.  

Ndiyayithanda imifanekiso yosapho. Ukusukela besebancinci oko ndandithatha lomfanekiso mnye, behleli ezitephini zendlu kamama wam, unyaka nonyaka. 

Le izakuba yiKhrismesi yokuqala kwiminyaka emine singasadibani. Kuninzi okusilahlekeleyo, kwaye iCovid 19 yenze iKhrismesi yatshintsha kunento esiyazi iyiyo. Yeyiphi ke enye indlela engcono yokupholisa amanxeba ngaphandle kokuba phakathi kwabantwana, ishumi elinesihlanu kwicala lam?

Ndincamela ukuba yonke imali yam iphelele kweziveki zine zokuba sisonke kuba kuyasonwabisa. Kusinika ixesha lobumnandi kude kufike unyaka ozayo. 

Njengephelo ndikhule kukhona isithuba seminyaka elishumi yonke Phakathi kwam nomntwana wasekhaya omdala. Bonke aba badala bandishiya baya eDyunivesithi ngethuba ndisaya kwisikolo samabanga aphakamileyo. Ziiholide zokuphela konyaka kuphela ixesha endandifumana ithuba lokuhlala nabo bonke kuquka nabazala bam kunye nabanye abantwana kwesisitalato. 

Sasichitha iintsuku zethu emlanjeni, sitshintshane ngezindlu nabazala bethu. Sinxibe iimpahla zethu zeKhrismesi kwaye sivuke kwakusasa sibukele ilanga elidanisayo ngosuku lweKhrismesi – nangona ndicinga ukuba yayili qhinga labazali kuba befuna sivuke kwakusasa sisebenze. 

Umalume wam osisityebi wayedla ngokuxhela inkomo ngosuku olwandulela inyibidyala, athumele iibhasi zilande zonke izihlobo zethu ezikweliphondo. 

Ndikhumbula kukhona ixesha apho ndathandana nenkwenkwe eyayize emtshatweni wakwa makhelwane yahlala iveki. Zange ndimenywe kwisigaba sesibini semibhiyozo yomtshato eMafikeng, ndabona ukuba mandimbhalele incwadi encinci ndayiphathisa umama wam kuba wayeyinxalenye yabakhaphi ababekhapha umakoti bemsa emzini wakhe. 

Yayingathi ngumlingo. Ulonwabo nje oseluhleli kwiingcinga. 

Nangoku sendikhulile, ukuba lapha ndingcamle ikhrismesi apha yinto enkulu ebuyisa lonke ulonwabo lwemilingo, kodwa ngoku yenzeka ndinabantwana bam kunye nosapho lwam. Masonwabele amasiko ethu, sizame amatsha kodwa siwagcine nalawo asonwabisayo. 

Umfanekiso ongasentla: Umfanekiso wakutsha nje ofotwe nabantwana kwizitephu zasekhaya nabantwana