Igama ikaMessi lizakuhla lihleli ezimbalini

ULionel Messi kunye neArgentina bebedinga kukhatywe amapenathi ukuze babethe ilizwe laseNetherlands nangona bephambili ngamanqaku amabini. 

Emva kweziphumo ezothusayo zeqela laseCroatia elikhuphe iBrazil kulendebe, omabini lamaqela ebesazi ukuba azakudlala umdlalo owandulela amagqibela kankqoyi ezintandane. 

Kwimizuzu embalwa yokuvula lo mdlalo omabini lamaqela ebekhangeleka eqaphele, kungekho lifuna ukwenza mpazamo enokuthi ibuye ngabo. 

Noxa kunjalo, umdlali ofana noMessi ukwazi ukugqobhoza nokuba ukhuseleko luluqilima kangakanani na, kwaye yinto ayenzileyo naku lona umdlalo. 

Lo mdlali uneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu, ufumene indlela yokudlula kubadlali abambalwa bamaDutch ngaphambi kokuba adlulisele ibhola kumdlali wasekunene ngasemva 

Ayiqhelekanga kwibhola ekhatywayo into yokuba umdlali oncedise ukuba kufakwe inqaku, agqanyiswe ukodlula lo ufake inqaku kodwa kubenjalo kweli ityeli.

Isiqingatha sesibini salomdlalo besifana nesokuqala kuba iArgentina yiyo ebiphethe lomdlalo, ibhola ibisezinyaweni zabo ixesha elininzi, njengoko ngakwiqela laseNetherlands eye encipha ngokuncipha amathuba okuba bakhathaze unozinti weqela le Argentina uEmiliano Martinez bekhangela amanqaku. 

Bekujongeka ngathi izakungcwatywa iNetherlands ngethuba umdlali wangasemva ekhohlo uMaros Acuna engena ebhokisini kusele nje imizuzu engamashumi amabini ngaphambi kokuba uphele umdlalo. 

UMessi uzibonakalisile, njengoko ebejonge ukufaka inqaku lakhe leshumi kwimidlalo yendebe yehlabathi – ebelizakuba lelesibini kwimidlalo yesigaba sokudlalela ukuphuma kwamaqela. 

Njengesiqhelo kwimidlalo yendebe yehlabathi, isiphithi phithi sakamava sifikile ngethuba uWou Weghort ekrazula umnatha kwilinge lokuqala leqela leNetherlands lokufaka inqaku, ngomzuzu wamashumi asibhozo anesithathu, eyifake ngentloko yawubona umnatha ingena ngekona. 

Iphinde yanguye uWeghort kwakhona ofake inqaku lokulinganisa leqela laseNetherlands ngomzuzu wekhulu kulomdlalo, emva kokufumana ibhola ezakukhatywa ingakhange ivalelwe.

Lo mdlalo uye kwisigaba sexesha elongezelelweyo, nalapho kungekho qela likwaze ukufaka inqaku nto leyo ibangele ukuba umdlalo udlulele kwisigaba sokukhaba amapenathi.  

Kulapho iqela lase Argentina libuye nempumelelo yamanqaku amane kwamathathu, ngethuba umdlali we Netherlands ephosa ipenathi yabo yokuqala. 

Umfanekiso ongasentla: Imibhiyozo yeqela iArgentina 

Imvelaphi yomfanekiso: @ManagingBarca