
Ngu Dylan Bettencourt
Ilizwe laseCroatia liphinde langunobangela wengqumbo emandla ngethuba libetha iintandokazi zendebe yehlabathi iBrazil, ngamanqaku amane kwamabini kwixesha elongezelelweyo lokukhaba amapenathi ngokuhlwa kwangolwesihlanu.
Ilizwe laseBrazil lidanise lade laya kufika kwimidlalo eyandulela amagqibela kankqoyi, nto leyo ibangele ukugxekwa kanobom zingcali kwibhola ekhatywayo kunye nabalandeli.
Noxa kunjalo, ekuqaleni komdlalo wangolwesihlanu bekubonakala ngathi iBrazili izakuphinde ifumane uloyiso kwakhona ngakwintshatsheli zendebe yehlabathi yonyaka ka 2018.
Kodwa kuthe kuphela imizuzu elishumi kwabe kubonakala ukuba uyehla umfutho kwiqela laseBrazil njengoko bekubonakala ukuba icebo leCroatia lokubenza bangabonakali kulomdlalo liyasebenza.
Iqela laseCroatia libavumele abadlali basemacaleni beBrazil ukuba bafumane ibhola ngaphambi kokuba baqinise ukuhlasela kwabo ngethuba ibhola ifikela ebhokisini.
Beliqinisekise ngokwenza luqilima ukuvala ngasemva ilizwe laseCroatia njengoko bekubotshelwe nomdlali wangasemva kwicala lasekunene uJuranovic, ukuqinisekisa ukuba umdlali wephiko kwiqela laseBrazil uVinicius Junior akabuyeli ngasemva afumane ithuba okufaka inqaku.
Iqela laseBrazil belinamathuba abalekayo okufaka amanqaku kumdlalo wonke kodwa unozinti weqela lase Croatia uDominik Livakovic uzichithile zonke ezonzame ekhusela iqela lakhe, njengoko echithe nepenathi lokuqala lelizwe laseBrazil.
Lo nozinti uneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe uchithe amanqaku angaphezulu kwalishumi kulomdlalo, nalapho amabini okanye amathathu ebenokungena ukuba ubengakhange angenelele avale.
Umanejala weqela laseBrazil wenze utshintsho ekuqaleni kwesiqingatha sesibini salomdlalo , kwinzame zokubuyisela umfutho kwiqela lakhe ebelibonakala lingena kwamfutho.
Noxa kunjalo, lomdlalo uphele ngemizuzu engamashumi alithoba ungenawo amanqaku.
Ukuba uNeymar ubekhona ubezoziva ngathi ngeyiphumelele iBrazil, emva kokuba wafaka inqaku kwimizuzu elikhulu elinesihlanu kumdlalo wakhe, nto leyo imenze ukuba akwazi ukulingana noPele ngamanqaku angamashumi asixhenxe anesixhenxe awafakele ilizwe lakhe.
Uthe uqhubeka umdlalo, labe iqela le Croatia libonakala ngathi likulungele ukuncamela kwisiqingatha sokukhaba amapenathi njenge linge labo lokugqibela ukuzama ukubetha ilizwe laseBrazil.
Yilonto kanye yenzekileyo kulomdlalo ngethuba uBruno Petkovic efaka inqaku lokulinganisa, ukuze lomdlalo uyokugqityezelwa ngamapenathi.
Emva kokuba ipenathi lokuqala likaRodrygo lichithiwe, iqela leCroatia lifumene umfutho wokuba lifake amanqaku amane amapenathi ngaphambi kokuba uMarquinhos aphose ipenathi yakhe nto leyo ibangele ukuba iBrazil ishiye kule ndebe.
Umfanekiso ongasentla: Imibhiyozo ye Croatia
Imvelaphi yomfanekiso: @Goal