
Ngu Songeziwe Mapukata
Bophuke iintliziyo abahlali belali yaseMdlankomo eLibode kwiphondo leMpuma Kapa ngenxa yobugxwayiba abaphila phantsi kwabo, apho kukhona uthuli oluyingozi kwimpilo zabo, olubangelwa yiProjekthi eyohlulekileyo ukuphucula ubomi babo.
Izindlu ezonakaliswa kukuchachamba, ukufa kwemfuyo, ukufa kwabantu ngendlela engaqondakaliyo kunye nempilo enkenenkene yimiceli mingeni ejamelene nababahlali.
Oluthuli lubangelwa luqhushumbiso kwinkwali eyenziwa kwilali yabo.
Omnye weenkondekazi zalelali uNobelungu Mtshakaza oneminyaka engamashumi amathandathu anesibhozo, woyikela impilo yakhe kuba indlu yakhe ingadilika ngenye imini imngcwabele ngaphakathi.
“Uloyiko lwam olukhulu ayikokuhlaselwa zizigebenga ndihleli ndodwa, kodwa kukuba ndiwelwe yindlu yam ndindodwa ngenxa yoluqhushumbiso,” utshilo uMtshakaza.
Ethetha neqonga leendaba iScrolla.Africa ngaphakathi kwindlu yakhe eyonganyelwe zintanda, uMtshakaza uthi ubomi batshintsha mpela emva kokuba kuqaliswe lenkwali ngonyaka ka2014.
Indlu yakhe ikumgama nje ofana nokuphosa ilitye ukusuka kulenkwali.
Le nkondekazi iphila nesifo samathambo, esele siyenze yaba nokukhubazeka okuthile, ukholelwa ukuba akanokwazi ukubaleka asindise ubomi bakhe ukuba indlu yakhe ingawa ngethuba kusenziwa uqhushumbiso.
Usebenzisa imikhoba eyophukileyo kuba akakwazi kuzithengela emitsha ngenxa yokungabina mali. Sele kuphele iminyaka ehlala yedwa kuba abazukulwana bakhe bafunda eRhawutini.
“Ngalo lonke ixesha kusenziwa uqhushumbiso, isamente esedongeni iyawa kwaye indlu yonke igcwala uthuli oluyingozi olunuka noluvakala ngathi ngamafutha enqwelo. Ndinyanzeleka ukuba ndilale nca ebhedini ndizogqume ngengubo ezolekiweyo ukuze ndinga phefumli oluthuli,” utshilo.
“Eyona nto inzima nangakumbi kukuba amanzi asetankini asala nento ekhangeleka ngathi yi oli ngaphezulu kwiintsuku ezimbalwa emva koluqhushumbiso. Ndiyanyanzeleka ukuba ndiwasele kuba andinayo enye indlela,” wongezile.
UMtshakaza uxhomekeke kumakhelwane wakhe ukuba amkhelele amanzi okusela etankini, nokuba ogqume umabona kude wakhe, osele ungasasebenzi kakuhle ngenxa yokuvuza kwendlu yakhe. Imeko ibamaxongo nangakumbi ngexesha lemvula ezina ngamandla.
Uthi akanangxaki nokuba asuswe ayohlala kwenye indawo, kodwa ingcwaba lentombi yakhe lilapha kwaye akaziboni ehamba elishiya ngasemva.
Kwiveki ephelileyo iqonga leendaba iScrolla.Africa lithethe noKhwezi Siwahla wenkampani iKhwezi Quarry, othe inkampani yakhe ayenzinto ingalunganga.
Umfanekiso ongasentla: Umakhulu uNobelungu Mtshakaza
Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Songeziwe Mapukata