
Ngu Karabo Rammutla
Kwixesha elidlulileyo bezininzi izinto obunokuzenza kuloliwe, ezifana nokuthenga iziqhamo nemifuno, okanye udlale amadayisi, kwaye ufumane nelizwi lenkosi kwabo bamiphefumlo inxaniweyo, njengoko kwakukhona amagumbi entshumayelo.
Kodwa ngoku iArhente iPassenger Rail Agency of South Africa iPrasa ngamafuphi, ikuphelisile konke oku.
Kutsha nje, le Arhente kunye nesebe lezothutho ziphehlele ololiwe abatsha ukuvuselela elicandelo lezothutho, eliphantse latshabalala ngenxa yomonakalo obangelwe kukutshiswa nokubiwa kwezixhobo zemizila kaloliwe kunye neentambo.
Ukushumayela, ukudlala amadayisi kunye nokuthengisa kwabaloliwe batsha akwamkelekanga.
Ukuxhatshazwa kwabasebenzi bale arhente, ukudlala eholweni kaloliwe okanye kuvalelwe abasebenzi izakuba yinto yezolo leyo.
Uninzi lwabantu luyacaphuka, kwaye amarhamente kunye nabefundisi bayavutha ngumsindo.
Ngelixa abanye besithi bazakuthandaza uThixo atshintshe intliziyo zeziphatha mandla, abanye bathi abazukuyithobela lemithetho.
Umfundisi uMalesela Ledwaba kwinkonzo iBus and Train Ministries uthi iPrasa izitshintshele kwicala elingalunganga inkonzo zayo.
“Ngowuphi lo monakalo siwenzayo xa sishumayela ilizwi lenkosi? Endaweni yokuba baqinisekise ukuba ololiwe bafika ngexesha, abophuki endleleni baphazamisa abakhweli, [iPrasa] ilwa noThixo. Sithandazela ukuba njengo Saule lifike nelabo ixesha,” Utshilo.
UBerha Mtsweni okwangumkhweli kaloliwe uthe uzakuyophula lemiqathango. “Ndizakube ndingengowokuqala, babekhona abafana no Shadrach, oMeshach kunye noAbednego. Ndizocula ndikhwaze kanobom, ndingoyiki nto kuba ndithembele kuThixo,” utshilo.
Isithethi sakwa Prasa uLilian mofokeng uthe oololiwe abatsha bohlukile kwaba badala.
“Abantu bahamba ngokukhululekileyo kwaye babona kuwo onke amagumbi ngenxa yendlela evulekileyo abakhiwe ngayo ololiwe abatsha,” utshilo.
Lo kaMofokeng uthe lemithetho mitsha yenzelwe ukukhuthaza ukuseleko lwabakhweli, ulwazi, ukuhamba okukhululekileyo, ucoceko kunye nokuqinisekisa ukuba ifumeneka kuye wonke ubani.
“Le Arhente iqhuba iphulo lokufundisa abakhweli ngemithetho emitsha. Ezizenzo zivalelwe ngaphandle zibonakalisile kwiminyaka edlulileyo ukuba ziyaphazamisana nabakhweli abaninzi kwaye zivalela abantu bangakwazi kuhamba ngokukhululekileyo ngaphakathi koololiwe,” utshilo.
Umfanekiso ongasentla: Abasebenzi bakwaPrasa nabakhweli bazohamba khululekileyo kololiwe kungasathengiswa okanye kushumayelwa.
Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Prasa.