Liyonyuka inani labantu abayeka phakathi amachiza entsholongwane kaGawulayo eTshwane

Ngu Karabo Rammutla

Iqumrhu iTreatment Action Campaign (TAC) lithi lixhalabile malunga nezigulane ezitya amachiza okudambisa intsholongwane kaGawulayo kwisixeko saseTshwane. 

Eliqumrhu lityhola ngelithi ucalucalulo olwayanyiswa nesisifo lubangela ukuba abanye abantu abaphila nentsholongwane kagawulayo bayeke ukuthatha amachiza abo kumaziko empilo asekuhlaleni. 

Oku kuxhalaba kuvezwe liqumrhu leTAC laseTshwane emva kokuba lifumanise ukuba inani labantu abayeke ukuthatha amachiza liphindekile kulo mmandla.  

Usihlalo weTAC eTshwane uRinah Semadi uthi inani labantu abayeka phakathi amachiza liyaxhalabisa kwaye unobangela woku yindlela abasebenzi bamaziko empilo asekuhlaleni abaphatha ngayo abantu ingakumbi ulutsha.  

“Abongikazi babaphatha ngendlela embi abantu abatsha, kwaye bayabatyhafisa ngokubakhwaza ngokungathi benze ngabom ukuba bazibone bekwimeko ezinzima,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.

Lo kaSimadi wongeze ngelithi impatho engantlanga ibangela ukuba kunyuke izinga lokusweleka kwabantu. 

“Ezinye iingxaki kukuba bantu banyanzeleka ukuba bafole kwimigca emide iyure ngeyure, ngenxa yokuba amaziko ethu anabongikazi abanqongopheleyo. Lengxaki izaku sonjululwa kuphela ngokuqeshwa kwabasebenzi abongezelelweyo. Ukanti nabasebenzi kufuneka betshintshe indlela abaziphatha ngayo izigulane,” utshilo. 

Wongeze ngelithi amachiza adinga ukuba afakwe kwingxowa ezifanelekileyo, kuba abanye abantu abafolele ukuthatha amachiza, bayakwazi ukubona uhlobo lwamayeza athathwa ngabantu abaphila nogawulayo kunye nentsholongwane yakhe. 

“Sifuna ukukhuthaza abaguli ukuba bakuthathele ingqalelo ukutya amayeza abo kwaye bathathe uxanduva ngempilo yabo,” utshilo uSemadi. 

Ukhuthaze abo bachaphazelekileyo ukuba bachaze yonke imiceli mngeni abajamelene nayo kumaziko ezempilo asekuhlaleni kwiqumrhu leTAC.

USipho Stuurman wesixeko saseTshwane ucele ukunikwa ixesha eloneleyo lokuba aqinisekise ukuba iqumrhu iTAC yaseTshwane linikezele ngenkcukacha ezifanelekileyo kwikomiti yezempilo yesigqeba sika sodolophu.  

Umfanekiso ongasentla: Iqumrhu leTAC yaseTshwane kwiphulo lokunikezela ngolwazi. 

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Karabo Rammutla