Ilizwe laseIran libuyisa isigwebo sentambo

Ngu Mashudu Mabila

Owabanjelwa uqhankqalazo ngakurhulumente welizwe lase Iran ube ngummi wokuqala ukufumana  isigwebo sentambo. 

Esisigqibo sokuphumeza isigwebo sentambo sesokuqala phantsi korhulumente waseTehran. 

Iingxelo zeqonga leendaba iHaaretz zithi ngokwaseTehran, lendoda yayigwetywelwe ukuhlasela ilungu lomkhosi wezokhuseleko welalizwe. 

Wayetyholwa ngokuvala indlela nokusebenzisa isikhali ngethuba lohlaselo. 

Lendoda inguMohsen Shekari, ibulewe ngesigwebo sentambo ngentseni yangolwesine. 

Wabanjwa ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga yoMsintsi waze wagwetywa ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yeNkanga ngokunxulumene netyala “lokuqala impi ngaku Thixo”. 

Ukanti ukubulawa kwakhe kuza ngethuba kukhona elinye ibanjwa elijamelene  nesigwebo sentambo ngokubandakanyeka kwalo kwizenzo zoqhankqalazo.

Olu qhankqalazo luqhambuke emva kokuba uluntu lukhalazela impatho gadalala eyenziwa ngamapolisa kuluntu, emva kokusweleka kuka Mahsa Amini kwizisele zamapolisa kwinyanga yoMsintsi. UMahsa wabanjwa ngenxa yokuba “wayenganxibanga ngokufanelekileyo” isikhafu sakhe sokuzigquma. Kutyholwa ukuba wasweleka ngenxa yokubethwa ngamapolisa.

Amatsha ntliziyo alumkisa ngelithi uninzi lungabulawa kwixesha elizayo. Athi iqela labantu lifumene izigwebo zentambo ngenxa yokuba yinxalenye yoluqhankqalazo. 

UMohamood Amiry-Moghaddam, ongumlawuli wequmrhu lamatsha ntliziyo iIran Human Rights ezinze kwindawo yase-Oslo, ubhale kwikhasi lakhe lezonxibelelwano uTwitter: “Ukubulawa kuka #MohsenShekari kufuneka kuhlangabezane nentshukumo eziluqilima okanye sizakujamelana nento yokubulawa kwabaqhankqalazi imihla nezolo. 

“Oku kufuneka kube nomthelela okhawulezileyo kwihlabathi liphela.”

Iqonga leendaba iMizan, elilawulwa yinkonzo yezobulungiswa kwela lizwe lithe, uShekari wagwetywa kwinkundla ephakamileyo yaseTehran, eqhubela amatyala emfihlakalweni, ekuyinto egxekwayo kwihlabathi liphela kuba ayibavumeli abarhanelwa bazifunele amagqwetha abo okanye babone ubungqina obukhoyo ngakubo. 

Iqulunqwe ngu Mashudu Mabila 

Umfanekiso ongasentla: Uqhankqalazo lwase Iran.

Imvelaphi yomfanekiso: @Haaretz.com