
Ngu Masoka Dube
Intombazanana eneminyaka emine kuphela uSamantha Nelwana, ufumene utyando lwasimahla lokungciba umngxuma obusentliziyweni yakhe – kwaye ubomi bakhe butshintshe unaphakade.
“Izakuba kokokuqala uSamantha engekho zintlungwini,” utshilo umama ka Samantha uNomfusi Nelwana esekhayeni lakhe eMandela park ngaphandle kwedolophu yaseMthatha kwiphondo leMpuma Kapa.
“Usapho lwethu luzakonwabela iholide zokuphela konyaka lichulumancile, libhiyozela notyando lwentliziyo yakhe olwenziwe ngempumelelo.”
UNomfusi uthe ufumene isiqabu njengoko olutyando lube yimpumelelo, kwaye okokuqala umntwana wakhe uzakonwabela ikhrismesi njengabanye abantwana.
Ingxaki yentliziyo kaSamantha yafunyaniswa ngenyanga yesilimela kunyaka ka2021, imeko yakhe yaya isiba maxongo ngokuya kuhamba ixesha, kwaye bancedwe kukungenelela kwequmrhu iPelo Foundation ebancedise ngokubhatalela iindleko zolutyando.
USamantha, ogula sisifo iCongenital Heart Disease (CHD) ufumene olutyando kwisibhedlele sabucala iBusamed Modderfontein Private Hospital eRhawutini ngolwesihlanu kwiveki ephelileyo.
Isifo iCHD yimeko apho umntwana azalwa enengxaki ekhoyo kwintliziyo yakhe.
Umama walentwazana uthe uSamantha ebedla ngokubhiyozela iKhrismesi esezintlungwini kuba, esoloko engumntwana o-ethethe kwaye ediniwe.
“Kulonyana yonke into izakube inomohluko kuba usapho luzakube ludibene ekhaya, kusabelwana naye ngezipho zeKhrismesi ukuze ayiqonde into yokuba ubalulekile kuthi,” utshilo uNomfusi.
“Ndandisoloko ndikhathazekile kuba ndingazi ukuba kuzokwenzeka ntoni kuye. Wayegula kakhulu. Ogqirha banyanzeleka ukuba balurhoxise utyando lokuqala olwalucwangcwisiwe ngenxa yemeko yempilo yakhe eyayi phantsi komngcipheko. Kweli tyeli lesibini, intombi yam yayisemandleni kwaye isempilweni.”
UNomfusi ubulele wonke ubani owenze olutyando lwentombi yakhe layimpumelelo.
“USamantha usekhaya uchacha kakuhle. Kunyaka ozayo uzakuqalisa ibanga lokuqala.”
Isithethi sequmrhu iPelo Foundation uDudu Mvimbi Leshabane uthe: “USamantha ngomnye wabantwana abalishumi elinesithathu abafumene ukwenziwa utyando leliqumrhu, lisebenzisana nesibhedlele sabucala iBusamed Private Hospital Group, apho lwenzelwa khona utyando, kunye nentsebenziswano nequmrhu elizimeleyo iWings and Wishes elincedisa ngokuthutha abantwana emakhayeni wabo libase esibhedlele liphinde libagoduse.”
ULeshabane uthe okwangoku, iphondo leMpuma Kapa kuphela linabantwana abalinganiselwa kumakhulu amahlanu abakuluhlu olulindele ukwenziwa utyando lwentliziyo iCHD.
Umfanekiso ongasentla: NguSamantha Nwelana
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe.