Usodolophu wanyanzelisa oomanejala ukuba bathathe imali ezizigidi ezibini zeeRandi.

Ngu Celani Sikhakhane

Usodolophu ogxothiweyo kumasipala wesithili saseAmajuba eNewcastle kumntla ntshona wephondo lakwaZulu Natal, utyholwa ngokunyanzelisa oomanejala asele benamava kulomasipala ukuba bamnike imali efikelele kwizigidi ezibini zeeRandi yokwakha ikhaya losapho lwake. 

UVuyelwa Bam waqalisa ukuxhuzula imikhala kwisihlalo sika sodolophu walomasipala ukhokelwe ngumbutho weIFP kwinyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo emva konyulo loorhulumente basemakhaya. 

Iqela loomanejala asele benamava kulomasipala bathethe neqonga leendaba iScrolla.Africa phantsi kwemiqathango yokuba bangadizwa, batyhole lo kaBam ngokusebenzisa isikhundla sakhe ukunyanzelisa abasebenzi abanamava kwaye abanamandla okutyikitya koovimba bemali yalomasipala. 

Omnye wabamanejala owahlala iinyanga ezimbalwa esebenza kulomasipala uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba wanyanzeleka ukuba awushiye  umsebenzi akhe, wahlala ekhaya isithuba esiphantse safikelela kwinyanga ezintandathu kuba wayenga sakwazi kunyamezela impatho gadalala awayeyifumana kuBam. 

“Ndafika kumasipala waseAmajuba ngonyaka ka2021, kwaye usodolophu uBam waqalisa wanyanzelisa ukuba ndifumane indlela yokuthatha imali efikelele kwizigidi ezibini zeeRandi kwimali yesabelo sokuphuhlisa iinkonzo zamanzi. Wathi ufuna ukuzakhela indlu.”

“Ndamxelela ukuba akukholula kanjalo kuba umphicothi zincwadi kunye nebutho lookhetshe bazaku ndifuna apho ndingakhona befuna iimpendulo malunga nalemali ayifunayo. Zange afune nokuyiva ke leyo,” utshilo.  

Iqonga leendaba iScrolla.Africa liyaqonda ukuba amagosa alomasipala anqunyanyisiweyo ngenxa kaBam akumacandelo aquka ulwakhiwo lweziseko nezobunjineli, icandelo lolawulo lweentengo kunye necandelo lezicwangciso zemisebenzi yalomasipala. 

Omnye womanejala balomasipala osele esebenzela omnye umasipala ongakhange afune lidizwe igama lakhe wongeze ngelithi, onyana bakaBam ababini balawula kwa amagosa alomasipala ngokusebenzisa unina. 

Utyhola ngelithi bamfakela uxinzelelo olumandla, benyanzelisa ukuba iziniki maxabiso ezithile zinikwe bona. 

Ukanti uBam kunye noonyana bakhe khange bafumaneke ukuphendula ngezizityholo. 

Umnxeba wakhe ubuvaliwe, kwaye khange aphendule kumyalezo obuchaza kabanzi obethunyelelwe wona. 

Isithethi somasipala wesithili sase Amajuba uSibonelo Cebekhulu uthe bayifumene imibuzo esuka kwiqonga leendaba iScrolla.Africa kodwa khange bakwazi ukuphendula kuba bebexakekiswe ngamalungiselelo ezemidlalo yendebe kasodolophu. 

Isithethi sombutho weIFP uMkhuleko Hlengwa uthe uBam warhoxiswa ngulombutho emva kothotho lwengxoxo. 

“Esisigqibo waziswa ngaso uBam emva kokuba edibene nekomiti kazwelonke elawulayo yalombutho kwiveki ephelileyo ngoMvulo umhla wamashumi mabini anesibhozo kwinyanga yeNkanga,” utshilo uHlengwa. 

Umfanekiso ongasentla: Usodolophu ogxothiweyo womasipala wesithili saseAmajuba uVuyelwa Bam 

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaFacebook lomasipala wesithili i-Amajuba