
Ngu Lungani Zungu
Unxweme lwaseThekwini bekufanele lugcwele ngabahlali kunye nabatyeleli, kubhala uLungani Zungu, ndiyacela ningabarhaxisi ngelindle.
Ukukhulela eMlazi ngeminyaka yo1980, iholide zokuphela konyaka zazisoloko zisiza nobumnandi. Ukuya elwandle yayinto eyayingasali ngeentsuku zobumnandi baseThekwini kulwandle iSouth Beach.
Kodwa ngoku akusenjalo kwaphela.
Olulwandle – olwalu ngumtsalane kubatyeleli – sele luyindawo eyaphelelwa ngumtsalane apho nje kugcwele ilindle. Amanzi okudada bucala (swimming pools) azisasebenzi. Akusekho kwandawo yokudada abantwana.
Xa ndibona imifanekiso yemeko engantlanga kulwandle iSouth Beach eThekwini – intliziyo yam ivele yazika..
Le yindawo endandiba nomdla wokuqhayisa ngayo ukuba ndiyityelela qho ngeholide zokuphela konyaka, xa ndindwendwele usisi wam ongasekhoyo ePitoli eGlen, kumazantsi esixeko saseJohannesburg, ngexesha endandikhula ngalo.
Akukho lwandle kaloku eGoli.
Ngalomaxesha kwakuxabisa nje amashumi amathandathu eerandi kuphela ukuya edolophini nge bhasi encinci, kodwa ngoku kuxabisa ishumi leeponti ezinamashumi amahlanu ngaphezulu eeRandi (R25).
Abantu abadala ekuhlaleni – kuquka nomama wam ongasekhoyo uSibongile – babedla ngokuqesha ibhasi encinci eyayisibhatalisa iishumi leeponti ukuya nokubuya elwandle.
Nangona ulwandle lalikumgama weekhilomitha ezingamashumi amathathu anesine ukusuka kwikhaya lam eMlazi, sasisiya kanye elwandle ngeholide zokuphela konyaka.
Ndikhumbula kakuhle mhla ndashiyeka ndinesilonda esidleleni kuba ndazilimaza ngethuba ndidada kwi swimming pool.
Ndandineminyaka elishumi kuphela ngeloxesha.
Kodwa zange ndiphele mandla, ndaqhubeka ndadada khona nangona ndisopha esidleleni, kuba ukuya elwandle kwakufika kanye kuphela ngonyaka.
Eyona nto yenza izinto zibembi nangakumbi, zizityholo ezenziwa yinkokheli yeActionSA yephondo uZwakele Mncwango, zokuba amalwandle aseThekwini agcwele ukungcola kwelindle labantu.
Usodolophu womasipala waseThekwini wombutho weANC, uzikhabile ezizityholo ngethuba ethetha nonondaba kwiveki ephelileyo.
Uqinisekisile ukuba uluntu lukhuselekile ukudada, ludlala dlale kumalwandle aseThekwini.
Isicelo sethu singabahlali baseThekwini kumagosa omasipala wesisixeko kukuba: sicela nibuyisele amalwandle aseThekwini kudumo lwawo lwangaphambili.