UMantashe uthi: “Asizumlahlela emhadini weengonyama”

Ngu Lungani Zungu

Umphathiswa wesebe lezimbiwa namandla, uGwede Mantashe, uyalele onke amalungu epalamente ombutho weANC ukuba avotele ukuphikisana nokusetyenziswa kwengxelo emalunga nebholo lasePhala Phala okanye bajamelena nesohlwayo esizakwaziswa  ngulombutho. 

Ethetha neqonga leendaba iSrolla.Africa njengosihlalo wombutho weANC kuzwelonke, uMantashe uthe lo mbutho uwuzukwamkela ukungalandelwa kwemiyalelo ngamalungu epalamente azenzela unothanda, abazakuvotela ukuba kusetyenziswe ingxelo enokwenza kuphele ngoRamaphosa nexesha lakhe lokuba ngumongameli. 

Ngamalungu epalamente angamakhulu amane ekulindeleke ukuba abambe ingxoxo malunga nengxelo yesigqeba sekomiti kaSection 89 ngolwesibini kule veki izayo. 

“Sonke sivumelene ekubani sivote ngokuchaseneyo nalengxelo ePalamente ebutsheni beveki ezayo. Umongameli uRamaphosa yinkokheli yethu kwaye asizumphosa emhadini weengonyama,” utshilo uMantshe exelela iqonga leendaba iScrolla.Africa. 

Umantashe oko ekwicala lika Ramaphosa ngalo lonke ixesha lokuqhambuka  kwebholo lasePhala Phala,

“Ukuba nje ilungu lombutho weANC elililungu lepalamnte liyasityeshela isiphakamiso salombutho, lizakubona emva koko ukuba umbutho ubhinqe ngantoni.”

Iingxelo zithi amanye amalungu epalamente emibutho ephikisana noRamaphosa, baceba ukuba bavotele ukuba iqwalaselwe lengxelo, enokukhokelela ekubeni atshutshiswe uRamaphosa. 

Ekuqaleni, ibholo lwasePhala Phala kwakucetywe ukuba luxoxwe yipalamente ngoLwesibini kwindlu yowiso mthetho yeli.

Ngokuhlwa kwangoMvulo, usomlomo wendlu yowiso mthetho uNosiviwe Maphisa-Nqakula wbhengeza ukuba lengxoxo irhoxiselwe uLwesibini weveki ezayo, ukunika ithuba onke amalungu epalamente ukuba abekhona ngethuba kuqhuba lengxoxo. 

Ibholo saePhala Phala lizakanika umkhomba ndlela wokuba uRamaphosa uzakutshutshiswa kusini na, nto leyo ithetha ukuba xa ithe yaphumelela inkqubo yotshutshiso lwakhe, uzakoxuthwa oonke amaqithi qithi obomi ahambiselana nokuba ngumongameli aquka umrholo kunye nezokhuseleko. 

Isigqeba esiphezulu ukuthatha izigqibo kumbutho weANC, ikomiti elawulayo kuzwelonke, inike umyalelo wokuba onke amalungu epalamente alombutho angamakhulu amabini anamashumi amathathu avotele ukuba ibekelwe bucala lengxelo ka section 89 emalunga nebholo lasePhala Phala.

Ramaphosa has also taken the report on review after filing papers in the Constitutional Court.

URamaphosa naye uyithathile lengxelo esiya kuyi phonononga emva kokuba engenise amaphepha kwinkundla yomgaqo siseko yeli. 

Isigqeba sekomiti kaSection 89 ebikhokelwe  nguJustice Sandile Ngcobo, ifumanise ukuba uRamaphosa kungenzeka unetyala ekufuneka ephendulile kulo malunga nokufihlwa kwemali efikelele kumakhulu amathandathu eDollar eyebiwa kwifama yakhe iPhala Phala ngenyanga yomDumba kunyaka ka2020.

Lkomiti iphinde yafumanisa ukuba imali elinganiselwa kwiDollar ezingamakhulu asibhozo anamashumi amahlanu amawaka, yayifihlwe kwisitulo sesofa ingakhange ixelwe kwibhanki enguvimba yeli.

Ukanti URamaphosa wenza konke ukuqinisekisa ukuba uyasigcina isihlalo sakhe sokuba nguMongameli wombutho iANC, de kufike ixesha lenkomfa yonyulo yamashumi amahlanu anesihlanu ezakuqala ngomhla weshumi elinesithandathu ukuya kumashumi amabini kwinyanga yoMnga, eNasrec eJoburg.  

Oku kumbeke ekubeni angquzulane nalowo waye sakuba ngumphathiswa wesebe lezempilo kuzwelonke uZweli Mkhize, ongomnye wabantu abagaqele esisikhundla sokongamela lo mbutho.