Ngaphandle komdaniso weSamba, ifile ibhola yaseBrazil

Ngu Dylan Bettencourt

Ilizwe laseBrazil lixhomekeke kumdaniso walo iSamba ukuze lifake amanqaku, kuba yeyona nto ibakhuthazayo. 

Oku kwasukela ngonyaka ka1982, ngethuba umdlali wasekhohlo ngasemva efaka inqaku kumdlalo ababewudlala ne Argentina, waqalisa wenza umdaniso wesamba ngaphambi kwezihlwele zababukeli – yaqala ngoko into yokuba lomxhentso ubeyinxalenye yesithethe sebhola ekhatywayo yeqela laseBrazil. 

Kodwa noxa kunjalo ikhe yabangela iyantlukwano Phakathi kwabalandeli. Abanye bayayithanda abanye abayiginyi kwaphela kuba besithi ibonakalisa intlonipho engekhoyo.

Lowo wayenguKapteni weqela leManchester United osele eyingcali kwibhola ekhatywayo uRoy Keane uvakalise ukungonwabi kwakhe malunga nemibhiyozo yangobusuku bangoMvulo emva kokuba befumene uloyiso lwamanqaku amane kwelinye kumdlalo wabo neSouth Korea.

“Andiyithandi le into. Abantu bathi lisiko labo kodwa ndicinga ukuba yindelelo nje kwiqela eniphikisana nalo. Bayenza ngalo lonke ixesha befake inqaku kuwo onke lamanqaku mane,” uKeane ukuthethe oku emva kwemidlalo yamaqela alishumi elinesithandathu. 

“Andinangxaki nawo kangako lomdaniso wokuqala. Ku xa idlula isiya kumdaniso wesibini lendingahambisani nayo, kwaye umanejala uyinxalenye yalomdaniso. Andonwabanga kwaphela. Andiqondi ukuba yinto entle kwaphela.”

Noxa kunjalo, indoda eyaqala lomxhentso uJunior, ukholelwa ukuba lemibhiyozo sele iyinxalenye yesiko laseBrazil kumabala ezemidlalo nangaphandle kwamabala.

“Ndikholelwa ukuba ndaba ngowokuqala ukudanisa izinyathelo zesamba kwimidlalo yendebe yehlabathi,” utshilo uJunior ochola-chola yonke lemidlalo yendebe yehlabathi elungiselela iqonga leendaba iGlobo. 

“Umahluko kukuba asidanisi kuba sifake inqaku. Sifaka inqaku kuba sidanisa. Yindlela nje esiqhuba ngayo ngenxa yobudlelwane obukhoyo phakathi komculo, ukudanisa kunye nebhola ekhatywayo kwilizwe laseBrazil.”

Ibhola ekhatywayo yelizwe laseBrazil isoloko ikwiqondo elifanayo malunga nesakhono sokudlala. Abadlali abafana noRonaldinho kunye no Neymar badume ngokusebenzisa isakhono sabo esinento yokwenza nalomdaniso ukudoja abanye abadlali badlule nebhola phambi kwabo bejamile. 

Nangona oosompempe abathile bengayithandi indlela abadlala ngayo abadlali baseBrazil, le yindlela ebenze bakwazi ukuphumelela indebe yehlabathi amatyeli ade afikelela kwisihlanu. 

Ngaphandle kokufumana ukugxekwa malunga nendlela abayidlala ngayo ibhola ekhatywayo, ngoku kugxekwa nendlela ababhiyoza ngayo, kodwa iBrazil ukubugcinile ubunini bayo nokuzazi. 

Ukuba nje bakwazile ukukrazula umnatha kumdlalo wabo owandulele amagqibela kankqoyi kunye neCroatia ngoLwesihlanu, abalandeli babo mabangathandabuzu ukuba  kuzakuqhambuka ingoma kunye nomdaniso omangalisayo kweliqela. 

Umfanekiso ongasentla: Iqela laseBrazil lixhentsa emva kokubetha iSouth Korea

Imvelaphi yomfanekiso: @FifaWorldCup