
Ngu Buziwe Nocuze
Usana oluneenyanga ezintlanu, uIvakele Yeko, luthunjiwe emva kokuba inina eligcina olu sana limyaleze kowase tyhini ongaziwayo ngenjongo zokungena evenkileni ngoMvulo.
Kutyholwa ngelithi, lo wasetyhini ungaziwayo uzinikele esithi uzakushiyeka nosana kunye nomntwana walowo uqeshelwe ukugcina usana, oneminyaka emithandathu, lo gama umgcini wosana engena evenkileni.
Esisiganeko senzeke eSomerset West kwiphondo leNtshona Koloni.
Umzali wolusana uAsanda Yeko oneminyaka engamashumi amabini anesibini uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba akasakwazi nokulala oko kwathi kwebiwa umntwana wakhe.
“Ukungazi nokuba unyana wam uyaphila okanye ufile kuyandikhathaza kakhulu.”
Uthe lowo ugcina usana lwakhe umxelele ukuba ubelinde iqabane lakhe ngaphandle kulevekile ngethuba ethethiswa ngulo wasetyhini. Lo mgcini weentsana uthethe ngentlonipho nelibhinqa, njengoko bebencokola ufikelele kwinto yokuchaza ukuba ufuna ukuthenga intlanzi kunye neeChips.
Umrhanelwa uzinikele ukuba uzakuba gcina abantwana ngethuba lo ubagcinayo engena ngaphakathi kule venkile.
“Sithetha ngosana olunenyanga ezintlanu apha. Ngubani onengqondo esebenza kakuhle onokunikisa nje ngomntwana kumntu angamaziyo, ngethuba sisazi sonke ukuba abantwana bayebiwa? Kutheni kulula kuye ukunikisa ngomntwana wam emntwini angamaziyo?” ubuzile lo mama ebonakala enomsindo.
UYeko uthe umrhanelwa kunye na lowo ugcina iintsana ikhona into abayaziyo abangayixeliyo kuye nasemapoliseni.
Umgcini womntwana khange amxelele uYeko malunga nokulaheka komntwana, de wabe unina womntwana uyabuya emsebenzimi malunga nentsimbi yesithandathu ngokuhlwa. “Ndandisiya emzini walomama ugcina umntana wam ngethuba ndimiswa ligquba labantu abaphuma kwindawo yentselo. Babendiththuzela bendixelela ukuba ndizomfumana unyana wam, kwaye bayandithandazisa.”
Kutyholwa ngelithi umrhanelwa ubuyile wazisa umntwana lo uneminyaka emithandathu, kude kufuphi nendlu ahlala kuyo lo mama nomntwana wakhe eStrand.
“ukuba lo wasetyhini ubengamazi umgcini wabantwana, yintoni ebangele ukuba azi idilesi ahlala kuyo? Bekufanele ubaleke nabo bobabini ababantwana ukuba ubengumntu ongaziwayo.”
Isithethi samapolisa kwiphondo leNtshona Kapa usergent Wesley Twigg uqinisekisile ukuba kuvulwe ityala lokuthumba kwaye liyaphandwa.
Nabani na onolwazi olunokuncedisa koluphando uyacelwa ukuba aqhakamshelane nomcuphi ophanda elityala, uCaptain Trevor Nash kwinombolo engu 082 301 8910 okanye atsalele kumnxeba wokulwa ulwaphulo mthetho ku 08600 10111.
Umfanekiso ongasentla: Ngu Ivakele Yeko owebiwe ngoMvulo kwilokishi yaseSomerset West
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe.