UZwane umelwe zizigqibo ezinzima kulesizini 

Ngu Micheal Madyira

Emva kokutyikitya abadlali abalithoba ngaphambi kokuba kuqalale isizini yonyaka ka2022/23, umqeqeshi weqela leKaizer Chiefs uArthur Zwane ujamelene nomceli mngeni omandla wokuba ahlenga hlengise iqela lakhe elizakudlala kwisithuba esisuka kwinyanga yoMqungu ukuya kwinyanga yeSilimela kunyaka ka2023.

Umtyhi wokuthenga nokuthengisa abadlali uzakuvula isithuba esingange nyanga ukusukela ngomhla wokuqala kwinyanga yoMqugu kunyaka ka2023, kwaye umqeqeshi weqela laMakhosi uye wayigxininisa into yokuba badinga ukufumana iincutshe zabadlali kuba bazama ukwakha iqela elinomfutho. 

Abanye babadlali beqela leChiefs bangena kwinyanga zokugqibela zesivumelwano sabo neliqela, kwaye uZwane unoxanduva lokuthatha isigqibo sokuba longezelelwe ixesha lezivulelwano zabo kusini na. 

Ukanti kukhona nelinye iqela labadlali abajongwe leliqela lase Soweto likhulu ekufuneka umqeqeshi enze izigqibo ngabo. 

Kutsha nje, oyintloko yeenkqubo zokudlala kwiqela laMakhosi, uthatheisigqibo sokuba bangamtyikityi lowo wayengumdlali ovalayo kwiqela iNewcastle United uBradley Cross obekhe wazilolonga ithutyana neqela leChiefs.

Iqonga leendaba iScrolla.Africa lijonga izigqibo ezilishumi ezibalulekileyo ezizakuthathwa nguZwane ngalekhefu yokuthenga nokuthengiswa kwabadlali ukusukela ngenyanga yeSilimela kunyaka ka2023. 

  • UItumeleng Khune: Lo mdlali uyiKapteni leqela leChiefs isivumelwano sakhe sengqesho siyaphela xa kuphela lesizini, kwaye ngoku iminyaka yakhe ifikelele kumashumi amathathu anesihlanu, ngelixa umqeqeshi uZwane ekhetha abadlali abasebancinci. UKhune usibambile kwakhona isihlalo kweliqela, kodwa ingxaki kukuba maninzi amathuba okuba afumane ukonzakala, uZwane unesigqibo esinzima ekufanele esithathile malunga nalomdlali. 
  • UKhama Billiat: Lo mdlali waseZimbabwe isivumelwano sakhe sengqesho neliqela sifikelela esiphelweni. Lo mdlali ebengekho semfuthweni njengoko simazi kule sizini, kwaye ukhangeleka esisithunzi sento abedla ngokuba yiyo. 
  • UNjabulo Blom: Lo mdlali uzimiseleyo kukho amarhe amnxulumanisa neqela leMamelodi Sundowns kunye neSuper Sport United, kodwa iingxelo zityhola ngelithi iChiefs ivule isithebe sengxoxo malunga nokuvuselelwa kwesivumelwano sakhe sengqesho. Ukuba ezingxoxo azihambeli ntweni ngokukhawuleza, uBlom uzakuba yindoda ekhululekileyo ukuba ingatyikitya isivumelwano sangaphambi kwesizini kunye naliphi na iqela alithandayo ukusukela ngenyanga yoMqungu. 
  • UBalint Bajner: Lo mdlali uhlaselaya wayesaya kudlalela iqela leBorussia Dortmund ubuyele kwilinge lokudlalela iqela leChiefs emva kokuba waqala wafaka isicelo sokuzibonakalisa kweliqela ngonyaka ka2o19. UZwane kufuneka athathe isigqibo malunga nokuba ingaba lomdlali uneminyaka engamashumi amathathu anesibini walizwe iHunguray uBajner sisisombululo asidingayo kusini na kubadlali abahlaselayo kweliqela. 
  • UBoris kopitovic: Lo ka Kopitovic ngomnye wabadlali abahlaselayo uZwane abajongileyo. Kuzokunyanzeleka ukuba aqine kwisigqibo sakhe sokuba uyamtyikitya kusini na lomdlali. 
  • UErick Mathoho: Lo mdlali uvalayo uyasokola ukufumana ixesha lokudlala kule sizini, kwaye kukhangeleka ngathi isivumelwano sakhe singangavuselelwa ekupheleni kwesisigaba kodwa kuxhomekeke kuZwane. 
  • UPhathushedzo Nange: Ngomnye wabadlali abanezivumelwano eziphelayo ngempelanyanga yeSilimela, kwaye naye uyasokola ukufumana ixesha lokudlala. 
  • UAustine Dube: Ingxelo zithi uDube uphumile epokothweni ka Zwane, kwaye unomdla wokuba abengumdlali ekungabolekiswa ngaye ngesixa mali esithile ngenyanga yoMqungu.
  • USifiso Hlanti: Lo kaHlanti uyawabonakalisa amava akhe okudlala emva, kodwa kwiminyaka engamashumi amathathu anesibini, akekho kwiminyaka yabadlali akhethwa nguZwane. 
  • UDino Ndlovu: Umdlali ohlaselayo enomfutho, lo kaNdlovu akazinzanga ncam kwaye kudala enxulunyaniswa neqela lakhe iChiefs, kodwa iminyaka yakhe yamashumi amathathu anesibini iyambetha, uZwane uzakuba nesigqibo esinzima ekufuneka esenzile. 

Umfanekiso ongasentla: Ngu Khama Billiat 

Imvelaphi yomfanekiso: Iqela leKaizer Chiefs