
Ngu Linda Ximba
Kunyanzeleke ukuba alaliswe esibhedlele uGcina Makhoba emva kokuphumelela intshinga yeWBF World Junior Bantamweight eyohlutha kuRoberto Paradero kumdlalo wamanqindi obubanjelwe kwiholo yeziko lemfundo ephakamileyo iMajuba FET College ngoMgqibelo eDandee.
UMakhoba kunyanzeleke ukuba asebenze nzima ukoyisa eliFilipino, liye lambetha lamlalisa phantsi ngenqindi ebelivela ngasekhohlo kumjikelo wabo wokuqala.
Okukuwiswa kumvuselele umdlali welizwe loMzantsi Afrika, othe wavuka ngesivuthe vuthe samanqindi ancede ukuthothisa uParadero.
Ukanti lomdlali ebetyelele kweli, uncame wamnye kunye nomhlaba emva kwamanqindi abenomfutho aye atsho kanobom entloko kumjikelo wabo wesithathu.
Intswahla yabalandeli abebe sele beme ngeenyawo ibisitsho ukuvuyisana noMakhoba, ibonakele imvuselela imenza abesemfuthweni wokuba athathe lomdlalo ongamele lo ubedlala naye.
Amanqindi abenomfutho abegalelwe emzimbeni kunye nasentloko amthathe ambeka phantsi uParadero – kodwa wakwazi ukuphakama ngaphambi kokuba agqibe ukubala unompempe.
Ngethuba sele usiya ekupheleni lomdlalo, inqindi elinobungozi lesandla sasekhohlo salenzalelwano yaseFillipino, liyonzakalisile indlebe kaMakhoba ethe yagxiza ligazi.
Evuselelwa kukunuka kwegazi, umfutho kaParadero uye usonyuka, waxinanisela uMakhoba ekoneni apho ubenokumgqibezela khona ukuba uMakhoba ebengaqiniseka ngokuzikhusela.
Lo kaMakhoba ubonakalise ukuzimisela, nangona ebebonakala onzakele.
Emva kwalomlo, lentshatsheli iwongwe ngentshinga kunyanzeleke ukuba ifumane uncedo lokuqala lwezempilo isengaphakathi esitikini sokulwa, njengoko ebebonakala enxaniwe kwaye ephelelwa nangumoya.
Umququzeleli walomdlalo uHlengiwe Sithole uthe uMakhoba kulindeleke ukuba afumane ukuhlolwa ngugqirha ngeCawa.
Umfanekiso ongasentla: UGcina Makhoba ebhiyozela ukuphumelela intshinga yeWBF World Junir Bantamweight
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe.