
Ngu Nkhensani Mthombeni
Iphumelele iimbasa zambini kwiveki ezimbini, imvumi yomculo wokholo uNkatheko Nokeri, owaziwa ngelika Mrs Angelic.
Ngomgqibelo uwongwe ngembasa yonyaka ngokuba yimvumi elibhinqa egqwesileyo yonyaka ka 2022 ecula umculo wokholo ngolwimi lweXitsonga, kumsitho weGospel Music Festival obubanjelwe kumabala ezemidlalo iGiyani kwiphondo laseLimpopo.
Ngaphambikoko ubuye nembasa yokuba yimvumi yasetyhini egqwesileyo kumsitho iLimpopo Music Awards, obubanjelwe eMeropa Casino ePolokwane ngomhla weshumi elinesibini kwinyanga yoMdumba.
“Ndiziva ndonwabe kakhulu ngokuba ndifumane ezimbasa. Ngu Thixo ekufuneka ndimnike udumo. Wosula inyembezi zethu zentlungu, kulo lonke usapho lwam, abahlobo kunye nabaxhasi bam,” utshilo.
“Xa ndisithi ndinenkxaso egagungqiyo ndisube ndinyanisie – abantu bam bavotile [kwaye] bathumela umoya ukuze sivote.”
Uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba iculo elimenze wonyulwa amatyeli amane kwezimbasa zimbini azifumeneyo, lithi “U lonene Yeso” (Ulungile Yesu), liculo elikhethekileyo kuye. Uthe waliqamba ekunye nentombi yakhe, eyayinonyaka neenyanga ezisixhenxe ngethuba beqamba eliculo.
“Sayiqamaba lengoma emva kokuba intombi yam yathi yakhululwa esibhedlele, emva kwesiganeko sokutsona arhaxwe ngamanzi.”
“Wayengase nguye lo mntu wayenguye ngaphambili, kodwa kwafika kumoya wam ukuba uYesu ulungile, unyanisekile, kwaye ndimbonile. Zonke iingoma zam ziphenjelelwa sesisiganeko.
“Ngelishwa salahlekelwa yintombi yethu ngenyanga yeKhala kunyaka ka2021,”
“kwaye xakuphela unyaka emva kwesosiganeko samhlonipha ngenkonzo yokudumisa eyayinesihloko esithi ‘Uzosulile Inyembezi zam’, kulapho eliculo lashicilelwa ngokusemthethweni. Saphinde saphehlelela iqumrhu labucala, elingenzi ngeniso elibizwa Women of Dominance (Amanina akhokheleyo) ukumhlonipha.” utshilo.
Lonyaka ngunyaka omkhulu kusapho lwakhe. Indodakazi yakhe ngu Miss South Africa wonyaka ka 2022, uNdavi Nokeri.
Uthe balusapho olubambeneyo, olukholelwa kwi mpumelelo kuyo yonke into abayenzayo, kodwa okubaluleke kakhulu uThixo sisisekelo sabo.
Ngomgqibelo wabelene ngeqonga nekwayara esele iphumelele iimbasa ezininzi iJoyous Celebration, kwaye uthi ibilithuba elikhethekileyo kuye eli.
Ukanti, uceba ukuphehlelela icwecwe lakhe lomculo elithi He Wiped My Tears (Wosule Inyembezi Zam) ngosuku lokuzalwa kwakhe ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga yoMqungu.
Umfanekiso ongasentla: Nkateko Nokeri
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe