Uphi uSbu Nkosi?

Ngu Lucky Maree

Sele kuphele iiveki ezintathu emva kokuba usapho kunye nabadlali be qela iBulls begqibele ukuva kwanto esuka kuSbu Nkosi.

 Iqela lebhola yombhoxo iBulls liqinisekisile ngoMgqibelo ukuba livule ityala ngokusesikweni malunga nomntu olahlekileyo, njengoko esiya esonyuka amaxhala kuba engaziwa ukuba uphi.

Usapho lwakhe nalo lubhengeze ukuba lomdlali akakaqhakamshelani nalo.

Ngentseni yangomgqibelo, ingqonyela yeqela leBulls uEdgar Rathbone uxelele iqonga lendaba iNews24 ukuba, benze konke okusemandleni ukuze baqhakamshelane nalo mdlali uneminyaka engamshumi mabini anesithandathu. 

“Sinethemba lokuba ukhuselekile, njengoko lusaqhuba uphando,” utshilo uRathbone.

Kwimbalelwano ekhutshiweyo, eliqela livakalisa ukuba lizamile ukuqhakamshelana noNkosi ngomnxeba, kunye nokumbhalela imiyalezo, beqhakamshelana nezizalwane zakhe, iqabane lakhe kunye nabahlobo abasenyongweni kuye. Ukanti bazamile nokutyelela ikhaya lakhe.

Lo kaNkosi uchazwe njengomntu olahlekileyo kwisikhululo samapolisa iBrooklyn ePitoli kwaye ngolwesine zw ityala ladluliselwa kwisikhululo samapolisa iSunnyside.

UNkosi wayeyinxalenye yabadlali ababedlala indebe yeCurrie Cup ngonyaka ka2016, kodwa zage afumane xesha lokudlala kulendebe, kodwa wakwazi ukuvela edlalela iqela leeSharks labo baneminyaka engaphantsi kwamashumi amabini ananye kwangonyaka ka2016 kukhuphiswano lentshatsheli zephondo kuleminyaka. 

UNkosi waphinda wabhengezwa njengomdlali weqela lomzantsi Afrika kwindebe yehlabathi yebhola yombhoxo yonyaka ka2019. 

Umfanekiso ongasentla:USbu Nkosi onyamalele iveki ezintathu 

Imvelaphi yomfanekiso: RugbyPas