
Ngu Lungani Zungu
Umgqatswa ojonge isikhundla sobumongameli uZweli Mkhize, uguqe esamkela iintsikelelo kwinkokheli yebandla lamaNazareth Baptist Church uMduduzi Shembe, ibandla elo laziwa ngokuba kukwaShembe.
Lomsitho ubungowethoba wobukhosi beSabatha kunye nomgidi obubanjelwe ebukhosini Enyokeni kwaNongoma, obuqhuba ngalempela veki.
Ubuzinyaswe yikumkani uMisuzulu KaZwelithini ngoMgqibelo. Noxa kunjalo ikumkani khange iwuzimase umsitho wangeCawa, kuba isazilele ukusweleka kukaMbongiseni Zulu, obeyinkosana esele inamava kwindlu yobukhosi, othe wadutyulwa wabulawa ngolwesine kwaNongoma.
Lomsitho uqhube intsuku ezimbini ubuzinyaswe ngamakholwa akwaShembe angaphezu kwamashumi amabini amawaka.
Lo kaMkhize, nowaye sakuba ngumphathiswa kunye nosihlalo wombutho weANC kwiphondo laKwa Zulu-Natal, uxelele inkokheli yebandla lakwaShembe kunye namalungu amadala alenkonzo ukuba ungumgqatswa ofanelekileyo ukuba akhokhele umbutho weANC, kunye nelizwe loMzantsi Afrika ukuba umbutho weANC uyaphumelela kunyulo lonyaka ka2024.
“Ndizakuyiphelisa indlala, ndivule amathuba emisebenzi. Ndizakuphelisa ulwaphulo mthetho kunye nocimicimi wombane. Ndize apha ukuza kucela iintsikelelo kuwe, njengoko ndizakuthatha uhambo loxanduva lokukhokhela umbutho owasekwa ziinkosi kunye nenkokheli zamabandla ezifana nawe,” utshilo.
Umdyarho wobumongameli kumbutho weANC uya utshisa nangakumbi, njengoko uMkhize ejonge ukuqubisana nomongameli walombutho kunye nelizwe loMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa kwesisikhundla.
Kuxwebhu lwabagqatswa olukhutshwe ngokusemthethweni, uRamaphosa wonyulwe ngamasebe afikelele kumawaka amabini anamashumi amathathu anesixhenxe, xa kuthelekiswa noMkhize ofikelele kumakhulu alithoba aneshumi elinesithandathu amasebe amonyulileyo kwesisi khundla.
Ukanti lomdyarho wonyulo lwenkokheli zalombutho, ufikelela kuvutho ndaba ngomhla weshumi elinesithandathu ukuya kumashumi amabini ananye kuDecember, njengoko kuzakube kubanjwe inkomfa kazwelonke yonyulo yombutho weANC eNasrec eJohannesburg.
Ngelixa abalandeli bakaRamaphosa bekholelwa ukuba sele icacile ukuba uzakuluphumelela kolugqatso, abaxhasi bakaMkhize kwelinye icala baqinisekile ukuba bazakulwa de kufikelele esiphelweni.
Ukanti iqonga sele liphothuliwe lilungiselelwe ukuba amalungu amasebe angaphezu kwamawaka amane athathe isigqibo sokuba yeyiphi indoda ezakukhokhela lombutho, osele unamaqela ngamaqela kwiminyaka emihlanu ezayo.
Umfanekiso ongasentla: Umgqatswa ogaqele isikhundla uZweli Mkhize uguqe phambi kwenkokheli yakwaShembe uMduduzi Shembe.
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe