
Ngu Lucky Maree
Singayifumana itafile edekwe kakuhle kumdlalo omkhulu wamagqibela kankqoyi phakathi koMzantsi Afrika neNgilane ozakube udlalelwa eTwickenham ngoMgqibelo?
Eyonanto ibikrokrisa ngakumbi ngalomdlalo libali elibhalwe ngumhlalutyi wombhoxo waseNew Zealand uBen Smith (ku rubgby365.com), nalapho njengokuba abasasazi beqhele ukwenza ebephehlelela iphulo lokuhlaselwa kweSpringboks.
Ngelixa umfanekiso kaRassie “eyimpuku ejikeleza kwivili” umangalisa, eyonanto ibihlekisa nangakumbi yindlela achaza ngayo umbono wakhe malunga neqela laseNgilane.
Ngolwesihlanu ngaphambi kokuba i-All Blacks zidlale neNgilane, uchaze iNgilane “njengeqela elibethekayo” – kodwa oku kungaphambi kokuba iNgilane ifake amanqaku alishumi elinethoba kwimizuzu nje elithoba uqalile umdlalo, itsala umakulinganwe iqela le All Blacks lingekabikho nakwinzame zokusabela kulemeko. Ngelixa kubonakala ngaphandle kwamathandabuzo ukuba ikhadi elityheli eliphakanyiselwe uBauden Barret kwimizuzu elishumi ngaphambi kokuba uphele umdlalo liwuphazamisile lomdlalo, kodwa indlela ezinekezele ngayo iingangalala ze-All Blacks ibisondele ekubeni lusizi.
Kodwa oku kubaluleke ngantoni kumdlalo weSpringboks kunye neNgilane?
Zizityholo zomqeqeshi weNew Zealand uIan Foster obonakala ebeke iqela le-All Blacks kwicala “lamaqela abethekayo”. Wenza kubengathi iNew Zealand ikulungele ukubethwa ngelixa bephantsi kobunzima bevaleleke ngemiqolo phakathi kodonga.
Kodwa ayina kuthethwa lonto ngeqela laseNgilane. Ukuba uEddie Jones ulifundise nto iqela leNgilane ekufuneka liyenze ngaphandle kwamathandabuzo, yeyokuba: iNgilane iyalwa!
Abadlali abafana noMarcus Smith, uFreddie Steward, uMaro Itoje kunye no Owen Farrell zange bake baya kumabala ebhola yombhoxo bejonge ukubethwa.
Ngokwahlukileyo, kwicala lelizwe loMzantsi Afrika kukhona abadlali abangeka qinisekiswa ukuba bazakudlala ndawoni. UDamian Willemse ngumdlali onomfutho, ukude le nokuzithemba kuba edlala isiqingatha esinye. Ukujamelana noMarcus Smith ongamelana nayo nayiphi na imeko kuzakuba ngumnqantsa wovavanyo kuye. Ukanti abalandeli baka willie le Roux babhiyozele indlela adlale kakuhle ngayo ngethuba bedlala ne Italy. Akuyondlela abeziphethe ngayo kuphela, kodwa nezigqibo azithathileyo bezimangalisa, kodwa iItaly ibimnika umhlaba omkhulu, ekuyinto iNgilane engasoze iyivumele ukuba yenzeke.
Akekho umdlali ayakuze afumane umdlalo ofana nofunyenwe nguKurt-Lee Arendse ngethuba bedlala ne Italy, uphinde ulindele ukuba iNgilani ayiz’uba nazicwangcwiso zokuqubisana naye. Ukuba ukwazile ukuphuncula kulomdlalo, uzakube uzibeke kwindawo apho azakuba ngumdlali oqaqambileyo weqela lamaBhoko-bhoko, iqela lezinxibo eziluhlaza zixube negolide.
Kwakhona kubekho abadlali abaphambili bamaBhoko bhoko; uSiya Kolisi, uEben Etzebeth, uMalcom Marx kunye noSteven Kitshoff, ekungabadlali abenza abo beqela laseNgilani bangakhululeki. Ukuba ababadlali bamaBhokobhoko bazibonakisile kulomdlalo ngendlela esibazi ngayo, uMaro Itoje wodumo ngeke akwazi ukubavalela ngokwakhe eyedwa.
Amasi abekwe elangeni. Ingaba abadlali baseNgilane bazakuwavala amaBhokobhoko? Ingaba uDamian Willemse uzakuliqinisa ibhanti xa ephantsi koxinizelelo? Yena uKurt-Lee Arendse kunye noWillie le Roux bazakubuya nawo amanqaku?
Ngelishwa nje, ngaphandle komdlalo, kufuneka sizibuze ukuba loluphi uxinizelelo azakuba nalo usompempe ngakulomdlalo, kwaye ingaba izakubavuselela okanye ibaphelelise ngomfutho, imipoposho kaRassie Erasmus kwikhasi lika Twitter?
Eli lityeli lokugqibela iqela laseNgilane neSpringboks ziqubisana ngaphambi kwendebe yehlabathi. Omabini lamaqela adinga impumelelo ezakuwathatha iwabeke kunyaka ka 2023.
Iqela labadlali beNgilane: Ngokulandelelana kwabo, u15 nguFreddie Steward, u14 nguTommy Freeman, u13 nguManu Tuilagi, u12 nguOwen Farrell (c), u11 nguJonny May, u10 nguMarcus Smith, u9 nguJack van Poortvliet, u8 nguBilly Vunipola, u7 nguTom Curry, u6 nguAlex Coles, u5 nguJonny Hill, u4 nguMaro Itoje, u3 nguKyle Sinckler, u2 nguJamie George, u1 nguMako Vunipola. Ukanti abazakubatsintsha: ku16 nguLuke Cowan-Dickie, u17 ibenguEllis Genge, u18 nguWill Stuart, u19 nguDavid Ribbans, u20 nguSam Simmonds, u21 nguBen Youngs, u22 nguHenry Slade kunye no23 onguJack Nowell.
Iqela labadlali belizwe liMzantsi Afrika: ku15 nguWillie le Roux, u14 ibe nguKurt-Lee Arendse, u13 nguJesse Kriel, u12 nguDamian de Allende, u11 nguMakazole Mapimpi, u10 nguDamian Willemse, u9 nguFaf de Klerk, u8 nguEvan Roos, u7 nguFranco Mostert, u6 nguSiya Kolisi (c), u5 nguMarvin Orie, u4 nguEben Etzebeth, u3 nguFrans Malherbe, u2 nguBongi Mbonambi kunye no1 ongu-Ox Nche.
Abazakubatshintsha: Ku16 nguMalcolm Marx, u17 nguSteven Kitshoff, u18 nguThomas du Toit, u19 nguMarco van Staden, u20 nguKwagga Smith, u21 nguJaden Hendrikse, u22 nguManie Libbok kuny no23 onguCanan Moodie.
Umfanekiso ongasentla: Iqela lamaBhoko bhoko equbisana neNgilane
Imvelaphi yomfanekiso: @DailyMaverick