UMBULALI KA HANI UHLATYIWE ENTOLONGWENI

Ngu Karabo Rammutla

Bekusele nje usuku olunye kuphela ngaphambi kokuba akhutshwe ngengqawule, umbulali kaChris Hani uJanusz Walus ngethuba ehlatywa kwiziko lezoluleko iKgosi Mampuri II eTshwane. 

UWalus ubalekiselwe kwisibhedlele sasentolongweni, kwaye ukwimeko ezinzileyo emva kokuba ehlatywe lelinye ibanjwa malunga nentsimbi yesihlanu ngoLwesibini.

Umsebenzi welisebe uxelele iSowetan ukuba uWalus uhlaselwe libanjwa elalifudula lilijoni lomkhonto wesizwe, eligwetywe ubomi entolongweni. 

Kwimbalelwano ekhutshwe lisebe lezoluleko, uSingabakho Nxumalo uyasiqinisekisa esisiganeko.

“Esingaku thetha okwangoku, kukuba ibanjwa elingu Walus lihlatyiwe, kwaye amagosa ezempilo kwelisebe iDCS bahlinzeke ngoncedo olufanelekiyo,” utshilo, esongeza ngelithi inkcukacha ezithe vetshe zizakunikezelwa ngoku hamba kwexesha.  

“Ukuhlaba nezinye iintlobo zokuphazamisa ngamatyala angamkelekanga kwindawo yezoluleko, kwaye eityala lizakuphandwa,” utshilo.

UWalus osele eneminyaka engamshumi amathandathu, wagwetywa malunga nokubulala inkokheli yombutho wamakomanisi elizwe loMzantsi Afrika, owaye kwaligqala lomzabalazo elalichasene norhulumente wengcinezelo uChris Hani ngonyaka ka1993.

Ityala lakhe litsale umdla omandla kumaphephandaba kwiveki ephelileyo, ngethuba kubhengezwa ukuba uWalus uzakukhululwa ngengqawule. 

Kwisigwebo esiyimbali, intloko yezobulungiswa uChief Justice Raymond Zondo, unike isebe lezobulungiswa kunye nezoluleko iintsuku ezilishumi ukuba bakhulule lokaWalus. 

Inkundla yomgaqo siseko isibekele bucala isigqibo esakhutshwa ngenyanga yoKwindla kunyaka ka2020 somphathiswa wesebe lezoluleko uRonald Lamola, sokukhaba ingqawule kaWalus.

Ze Lo kaLamola wayelelwa nokuba ahlawule iindleko zenkundla zika Walus.

UWalus, oyinzalelwane yasePoland, babhangiswa ubumi bakhe boMzantsi Afrika ngonyaka ka2017. Noxa Kunjalo iofisi yomphathiswa wesebe lezamakhaya kwiveki ephelileyo ibhengeze ukuba izakumbuyisela ubumi bakhe obusisigxina ngelixa esagqibezela ingqawule kweli.

Umfanekiso ongasentla: Umbulali kaChris Hani uJanusz Walus egwaziwe eJele

Imvelaphi yomfanekiso: @sa_crime