UMama Joy uyokubukela indebe yehlabathi eQatar

Ngu Nkhensani Mthombeni

Yimincili kuphela kuJoy Chauke, owaziwa ngelika Mama Joy, njengoko egudla amagxa nabanye abalandeli kwindebe yehlabathi ebanjelwe kwilizwe laseQatar. 

Lo mxhasi webhola ekhatywayo, oko ehleli kwela lizwe sukela uqala umnyhadala wendebe yehlabathi kwaye kulindeleke ukuba ahlale de kube ngumhla wamashumi amabini kwinyanga yoMnga. 

UMama Joy wachongwa yikomiti ephakamileyo yaseQatar, ekuliqumrhu eliququzelela indebe yehlabathi, emva kokuba wafumana ukuqatshelwa njengoyena mxhasi webhola ekhatywayo ugqwesileyo kwihlabathi liphela. 

Zonke iindleko zokuhamba kwakhe, indawo yokuhlala kuquka namatikiti okubukela lemidlalo uzifumene simahla. 

Into yokuqala eyamothusayo xa efika kwelalizwe, kukubona indlela ekubiza ngayo ukutya kunye nezithuthi. 

“Awunokwazi ukuhlala uyonwabele lendawo ukuba awunayo imali,” utshilo. 

“Inkonzo zezothuthu zifumaneka simahla xa usiza kwindawo ezikufutshane, kodwa eyam indawo yokulala ikude kunesixeko ekudlalelwa kuso, ngako ke ndiyanyanzeleka ukuba ndisebenzise izithuthi zabucala ezifana ne Uber”.

Uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba uyayilandela kwaye eyihlonipha imithetho yela lizwe. 

Ukuza kuthi ga ngoku sele ebukele imidlalo eyibukela kumabala ezemidlalo, equka umdlalo wokuvula phakathi kweQatar kunye ne Ecuador, umdlalo wePoland iqubisana ne Saudi Arabia, Ibe yiQatar idlala neSenegal, iBelgium ingquzulana ne Morocco kunye nomdlalo weGhana iqubisana ne South Korea. 

UMama Joy uwaxhasa omahlanu amazwe elizwekazi iAfrika adlala kulendebe, kodwa elona qela liyintandane kuye yiGhana, kuba uninzi lwabahlobo bakhe basuka kwelalizwe likwintshona yelizwekazi iAfrika. 

Lomlandeli uqaqambileyo uthi kwindebe yehlabathi yonyaka ka2010 eyabanjelwe kweli loMzantsi Afrika, kwakulula kuye ukuba ahamba hambe esiya kumabala ezemidlalo aphinde agoduke kuba yayiyindawo ayiqhelileyo. 

“IQatar lilizwe elincinane kakhulu, kwaye amabala ezemidlalo aqelelene ungayichitha iyure usuka kwelinye usiya kwelinye, akufani nasekhaya,” Utshilo. 

“Ndiva ngathi imidlalo yaseMzantsi Afrika yayinentswahla ebhetele – kodwa ke ingenzeka ukuba ndinedolo.”

Lo nozakuzaku weRoyal AM FC uthi ufuna ukubulela umphathi wakhe uShaun Mkhize, isigqeba seSafa kuquka nengqonyela yaso, uTebogo Motlhanthe, uNyiko Masango, Umlandeli ophambili weqela leSwallows, uNkosinathi Zuma no Priscilla Mthombeni, kunye nosapho lwakhe ngokumpha imali yokuzigcina ngethuba ezimase lomnyhadala. 

Umfanekiso ongasentla: UMama Joy eseQatar

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe