
Ngu Anita Dangazele
Ezicaweni nasezikolweni akusekho ndawo ikhuselekileyo eGqeberha, kwaye iicawe nezikolo zezona ndawo ziya zisiba zizisulu zoonqevu abaxhobileyo kuba besithi zindawo ekulula ukuzixhomisa.
Iititshala, amakholwa kunye nabo bayokundwendela izihlobo ezilele ukuthula emangcwabeni abakhuselekanga kuba amangcwaba ajike ayeyona ndawo yonakaliswayo kwaye ityhuthulwayo yimigulukudu.
Isiganeko soqweqwediso ngempela veki sothuse uninzi kwesisixeko njengoko amarhamente ecawe iAssemblies of God eqweqwediswe ngethuba esenkonzweni yomthandazo wangokuhlwa kwilokishi yakwaZakhele.
Oluqweqwediso lwamarhamente emasangweni endlu yecawa lube lolokuqala kulommandla, njengoko iinkonzo kunye nezikolo bezisoloko zibonwa njengendawo ezikhuselekileyo kwizenzo zolwaphulo mthetho.
Umrhamente ocele ukuba angadizwa ngenxa yokhuseleko lwakhe, obeyinxalenye yalenkonzo uthe, sibothusile esisiganeko njengoko into yokuphangwa endlini yecawa ingeyonto ilindelekileyo.
“Ukuqweqediswa ngaphakathi ecaweni yinto yokugqibela umntu anokuyilindela. Ngethuba bengena besingacingeli nto sade sabe sibona imipu ebebeyiphethe. Kuyothusa ukubona indlela abantu abangayihloniphi ngayo indlu kaThixo,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.
Kwiveki ephelileyo abasebenzi kwisikolo samabanga aphantsi iVukani Bantu Primary kwilokishi yaseMotherwell ootitshala bathi baphangwa bekhonjwe ngeemela ngaphakathi kwamasango esikolo. Abarhanelwa babaleka neminxeba kunye nezitshixo zeemoto.
Isithethi sesebe lezemfundo uMalibongwe Mtima, uthe ukwanda kweziganeko zokuxhonyiswa ezikolweni kubonakalisa ukwehla kwezimilo nenkathalo kubantu bokuhlala.
“Isebe lingenza kangangoko ukuqinisekisa ukhuseleko ezikolweni, kodwa abahlali nabo banoxanduva lokukhusela izikolo kwizenzo eziloluhlobo. Xa kusenzeka iziganeko ezikumila kunje, lonto ibonakalisa ukuba akukho nkathalo, kwaye abantu baphelelwe zizazela ekuhlaleni,” utshilo.
Ukanti abahlali balomasipala umbaxa bathi, kunyanzeleka bacinge kabini ngaphambi kokuba bandwendwele izizalwane zabo kwiziza zamangcwaba kuba bazakuba zizisulu zophango olwenzeka kwindawo zamangcwaba.
Isithethi somasipala ombaxa iNelson Mandela Bay uMamela Ndamase, uvumile ukuba ukhuseleko luyinto exhalabisayo, kwaye nangona zikhona izicwangcwiso zokwenza luqilima ukhuseleko, imali ekhoyo okwangoku ayibavumeli ukuba ziphunyezwe kwangoku ezizicwangcwiso.
“Ikomiti ejongene nokulwa ukonakaliswa kwezakhiwo nezinye iziseko ezingundoqo ihlengahlengisa izicwangcwiso zokuqinisa ukhuseleko kuzo zonke iindawo ezifanelekileyo. Ezizicwangcwiso ziquka ukufakelwa kweeKhamera ezisebenzisa iCCTV kunye nokufakelwa kweeAlarm.
“Okwangoku asikwazi ukongeza oonogada kwezi ziza ngenxa yokushokoxeka kwezimali,” uqukumbele ngelitshoyo.
Ukanti amabhoma olwaluko lwemveli eMotherwell, abe ngamaxhoba akutsha nje okuxhonyiswa, apho abarhanelwa abangaziwayo begaleleke kwelinye ibhoma banyanzelisa ukuba banikwe iimfonomfono kunye nokutya.
Isithethi samapolisa kwisithili saseNelson Mandela Bay uPriscilla Naidu uthe, abantu basekuhlaleni kufuneka basebenzisane namapolisa ukulwa nolwaphulo mthetho olukhula ngokukhawuleza kwilizwe loMzantsi Afrika.
“Ukulwa ulwaphulo mthetho ayingomsebenzi wamapolisa kuphela – abahlali, iinkokheli zasekuhlaleni kunye namapolisa mazisebenzisane ukulwa nokwanda kwabophuli mthetho abakhululekiyo kwindawo zabo zokuhlala,” utshilo uColonel Naidu.
Umfanekiso ongasentla: Isango elonakalisiweyo kwindawo yamangcwaba eSouth End eGqeberha.
Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Anita Dangazele.