
Ngu Nothando Makhubela
Ushiyeke eqokelela iingceba uNomvuyiselo Jona oneminyaka engamashumi amathathu anesibini, emva kokufunyaniswa komzimba wenkwenkwana yakhe eneminyaka emihlanu emva kokuba yachazwa njenge lahlekileyo.
Lenkwenkwana uShaydin Padda ubesaziwa ngelika Bokkie, wachazwa njengolahlekileyo ngomhla wamashumi amabini ananye kweyeNkanga, emva kokuba uyise wakhe uShaun Padda oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu, wayemlande esikolweni ngoLwesihlanu.
Lo kaJana uthe uBokkie wayechithe impela veki kuyise wakhe, kodwa waziva exhalabile xa uyise engambuyise ngeCawa umhla wamshumi amabini kweyeNkanga ngokwezicwangcwiso zabo.
“Ndagqibela ukubona umntwana wam ngentseni yangoLwesihlanu xa ndandimshiya esikolweni. Utata wakhe wamthatha xa kuphuma isikolo baya kwindawo ahlala kuyo ngempela veki njengesiqhelo,” uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa.
Ngentseni yangolwesibini umhla wamashumi amabini anesibini, kwafunyanwa umzimba kaShaun ujinga emthini kumabala okudlala ibhola yehockey kwisikolo saseWitbank, emva kokuba ezibulele.
Ukanti, kumgama olinganiselwa kwikhilomitha ezimbalwa nomzimba katata wakhe, ngomhla wamashumi amabini anesithathu kweyeNkanga, kwafunyanwa umzimba kaBokkie sele ubanda ulahlwe esigangeni kumgaqo iVan De Venter kufuphi neKing George Park embindini wedolophu yaseWitbank.
“Ndaqalisa ndaxhalaba nangakumbi xandisiva ukuba umntwana wam khange aye esikolweni ngoMvulo. Ndaya endlini kaShaun ndangamfumani. Besisebenzisana njengabazali ukukhulisa abantwana bethu njengoko sinabantwana ababini kunye, kwaye sasihlala sobabini iminyaka elishumi elinanye. Sohlukene kunyaka ophelileyo,” uchazile lomama.
Khange akwazi kuzibamba iinyembezi umama kaBokkie ngethuba esithi, ubekulindele ukuva indaba zokusweleka konyana wakhe.
“Bendiyazi ukuba uBokkie uswelekile, kodwa ndaqhubeka ndinethemba, ndithandaza ndikhangela unyana wam. Kodwa emazantsi entliziyweni yam bendilindele nantoni na. Ndirhanela ukuba uqale wabulala uBokkie ngaphambi kokuba azibulale.”
“Ndisentlungwini enzulu. Ndisalindele iziphumo zotyando oluzakubonisa inkcaza epheleleyo yokuba unyana wam utyiswe ityhefu okanye hayi. Emzimbeni wakhe akukho malungu alahlekileyo. Unyana wam ubengumntu othandekayo nobethanda ukuncokola,” wongeze ngelitshoyo.
Iqonga leendaba iScrolla.Africa sizamile ukufumana izimvo zosapho luka Shaun, kodwa usapho lwalile lusithi lucela ukunikwa ixesha labucala.
Umfanekiso ongasentla: Inkwenkwana ebuleweyo uShaydin Padda “Bokkie”
Imvelaphi yomfanekiso: Unikezelwe