Sivulwe ityeli lesibini isikhululo sezicimamlilo esingazange sasebenza 

Ngu Karabo Rammutla

Ngenyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo usodolophu wesixeko saseTshwane uRandall Williams wavula ngokusesikweni isikhululo saseMamelodi esijongene nemililo esakhiwa ngemali efikelele kumashumi amathandathu anesibini yezigidi zeerandi. 

Nangona imininzi imililo, ukusukela ngoko zange kwabonakala nangotshengele nesinye isicima mlilo. 

Kodwa, kwakhona ngentseni yangolwesibini, uWilliams uphinde wavula ngokusesikweni esisikhululo sinye semililo, ethembisa ukuba akazukusivula ityeli lesithathu. 

Ngethuba sivulwa okokuqala, wathembisa abahlali ukuba sizakuqala ukusebenza kwinyanga elandelayo eyayiyinyanga yeNkanga. 

Kwaphela iinyanga ziqengqeleka kungekho ntshukumo ibonakalisa ukuba esisikhululo siyasebenza, kungabonakali zicima mlilo okanye injini yokusebenza. Ngenyanga kaTshazimpuzi iqonga leendaba iScrolla.Africa ladiza ingxelo yokuba abahlali banyanzeleka ukuba bacime imililo ngeemele zamanzi. 

Ukanti noonqevu bangena bazenzela kwesisikhululo bahamba neefestile zentsimbi kunye nezinye izinto.

Ngentseni yangolwesibini usodolophu uxelele abahlali ukuba uqinisekile ukuba esisiskhululo sizakwenza umsebenzi ekufanele ukuba siwenze. 

Esisikhululo kulindeleke ukuba sincede abahlali baseMamelodi kunye nabase Nellmapius, ezona ndawo zimbini zingqongwe ngamatyotyombe angabasemngciphekweni wokuqhanjukelwa yimililo kunye nezikhukhula. 

“Esisikhululo oko siqale ngenyanga yoMsintsi kulonyaka ukusebenza,  sinabasebenzi abangamashumi amathathu anesine esele besebenza apha. Namhlanje lusuku lokusivula ngokusemthethweni,” utshilo. 

Abahlalli bathe nangona bonwabile kukubona esisikhululo sisebenza ekugqibeleni, bona badinga imisebenzi. 

Bathe bafuna ukuthetha nosodolophu, kodwa ukhawuleze wahamba bengalifumana elo thuba. 

Noxa kunjalo omnye wabahlali uElla Makotanyane wonwabile kukubona esisikhululo sisebenza. 

“Izicima mlilo azizokuthatha iiyure ngeeyure ukufikelela kubahlali abadingayo. Esisixeko masiqhube nokuzisa iinkonzo eluntwini, ndiyabaphakamisela,” utshilo 

Umfanekiso ongezantsi: Usodolophu uRandall Williams evula isikhululo sezicima mililo saseMamelodi okwesibini

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Karabo Rammutla