Ngubani olibele ukukhuph ‘ikati engxoweni?

Ngu Mashudu Mabila

Igosa leTransportation Security Agency (TSA), lamangaliswa kukufumana ikati ngaphakathi kwingxowa yendoda kwisikhululo seenqwelo moya iJFK eUnited States.

Le kati  ngeyahamba yayakufikelela eFlorida ukuba yayingazange ibonwe kubuxhaka xhaka balemihla kwesiskhululo, emva kokuba undwendwe olusuka eNew York layivalela kwingxowa yalo lingaqondanga ebutsheni balenyanga. 

Ngomhla weshumi elinesithandathu kulenyanga ka November, eligosa labona umfanekiso wekati ngethuba lengxowa ijongisiswa kubuxhaka xhaka beX-Ray. 

Umfanekiso opapashwe nguLisa Farbstein, osisithethi seTSA ubonakalise lekati iphuma imise uboya bayo ngethuba kuvulwa lengxowa. 

Eligosa leTSA lathi laqhakamshelana nenkampani yakwaDelta, inkampani yenqwelo ntaka ibiza kukhwelwa ngulomkhenkethi ungumnikazi wekati. 

Lomkhweli ubelindeleke ukuba aye eOrlando, eFlorida. Kodwa yathi yamshiya inqwelontaka awayeza kuyikhwela.

“Igosa leTSA lamangaliswa kukufumana ikati e-orenji ngaphakathi kwingxowa kwisikhululo senqwelomoya iJFK, emva kokuba ijongiwe kubuxhaka xhaka be X-Ray,” lokaFarbstein ubhale umpoposho kwikhasi ezonxibelelwano uTwitter. 

Ekuhambeni kwexesha kwavakala ukuba lekati ihamba yayokufika ikhuselekile ekhayeni layo.

Esi ibingeso siganeko sokuqala kuleminyaka idlulileyo, sokuba isilwanyana siphantse sizibhaqe sele sikwinqwelontaka singenalwazi loko. 

Ngenyanga ka October kunyaka ka2021, uKristi kunye noJared Owens babengenisa umthwalo wabo kwisikhululo senqwelomoya iLubbock Preston Smith International eTexas ngethuba igosa lamatikiti libaxelela ukuba umthwalo wabo usinda kakhulu. 

Ezizithandathi zavula umthwalo wazo zilungiselela ukuqoqosha iimpahla ngokutsha ukuze zinga hlawuliswa ngomthwalo onzima ngokugqithisileyo, bamangaliswa kukubona ukuba injana yabo yohlobo lwaseMexico ulcku izisonge kwiquze likaJared. 

Umfanekiso ongasentla: Ikati ingaphakathi komthwalo kwisikhululo senqwelontaka

Imvelaphi yomfanekiso: @USAToday