
Songeziwe Mapukata
Umama otyholwa ngokubulala abantwana bakhe ngehamile kwisithuba esingaphezulu kweveki ulandulele eli.
UNombeleko Simayile oneminyaka engamashumi amathathu anesibini, ebejamelene namatyala okubulala malunga nokufa kwabantwana bakhe abane ekhayeni lakhe eTsabala eNgcobo kwiphondo leMpuma Koloni, usweleke kwisibhedlele sas’Engcobo ngeCawa.
USimayile ubalekiselwe esibhedlele ngoLwesine emva kokuba eye waquleka ngethuba evele okwexeshana kwinkundla kaMantyi Engcobo.
Lenkudla iye yavalwa. Wafumana unyango waze wabuyiselwa eziseleni zamapolisa.
Uphinde wazixela ukuba uyagula kwakhona ngeCawa, kwaye usiwe esibhedlele apho aye waswelekela khona.
Abantwana bakhe abane – uLizalise oneminyaka elishumi elinanye, uInganathi oneminyaka eluthoba, uOthalive oneminyaka emihlanu kunye noElihle oneminyaka emibini – ababulawa ngomhla wethoba kuNovember bangcwatyiwe ngoLwesihlanu kwindawo yaseMhlabubomvu Engcobo. Amagosa aliqela asuka kurhulumente wephondo ebezimase lenkonzo yomngwabo.
Isithethi samapolisa kwiphondo leMpuma Koloni uBrigadier Thembinkosi Kinana ukuqinisekisile oku kwimbalelwano ekhutshwe ngokuhlwa ngeCawa.
UKinana uthe umsolwa ubeseluvalelweni lwamapolisa ngeCawa ngethhuba ezixela ukuba akaziva mnandi, kodwa khange achaze ukuba ugula yintoni.
“Uye wabalekiselwa kwisibhedlele esikufutshane ukuya kufumana unyangi, apho asweleke khona. Unobangela wokusweleka kwakhe uzakufunyaniswa emva kokwenziwa kotyando lokufumanisa oku,” utshilo uKinana.
UKinana wongeze ngelithi kuvulwe uxwebhu lophando elizakuphandwa licandelo lophando oluzimeleyo lwamapolisa, iIPID ngamafuphi.
Itshantliziyo elilwela amalungelo abantwana uPetros Majola wequmrhu iKhula Community Development Project uphawule ngelithi “ubengenoze akufumane ukuxola emva kwesenzo esibi kangaka asenzileyo”.
Umfanekiso: UNombuyiselo Simayile otyholwa ngokubulala abantwana bakhe abane.
Imvelaphi: Uthunyelwe