
Ngu Razeen Gutta
Ibingumdlalo ophazamisayo obonakaliswe lilizwe laseBrazil, njengoko uNeymar ebuyela kubadlali bokuqala abaqale lomdlalo kwaye baphumelela ngamanqaku amane kwelinye kumdlalo wabo neSouth Korea.
Kubonakala ngathi bekukhona ukucaphuka kwiqela laseSouth Korea emva kokufumana uloyiso lwamaqhawe ngokubetha iPortugal bayikhuphele ngaphandle kumaqela alishumi elinesithandathu okugqibela. Noxa kunjalo, umdlalo kunye neqela lelizwe elikuMzantsi Melika ubuhluke kakhulu kunomdlalo kaSon Heung Min kunye neqela lakhe.
Amathemba eqela leSouth Korea aphele kusekutsha kakhulu ngethuba uVinicius Jnr kunye no Neymar befaka inqaku lokuqala kwimizuzu nje elishumi elinesithathu, kumdlalo obudlalelwa kwibala lezemidlalo i974.
Isiqingatha sokuqala salomdlalo sishiye abalandeli bengayivali imilomo ngabadlali ebebenxibe iijezi ezityheli, nalapho uRicharlison kunye noLucas Pacqueta bobabini befake amanqaku amane kwimbande yesikhova, ngaphambi nje kokuba siphele esisiqingatha.
Ukanti isiqingatha sesibini salomdlalo besilawuleka kakhulu, nalapho umqeqeshi uTite enika ixesha lokudlala abadlali abafana noDani Alves kunye no Gabriel Martinelli.
Ukufakwa kukanozinti uWeverton kwenze into yokuba bonke abadlali abangamashumi amabini anesithandathu, bayifumane imizuzwana yokudlala kule ndebe ibanjelwe eQatar.
Iqela laseBrazil limenze wazidla ngalo usaziwayo onguPele emva kokubhengezwa kwendaba zempilo engentlanga kuye kuleveki. Abadlali banike intlonipho kweligqala, elivakalise ngompoposho kwikhasi lezonxibelelwano uTwitter ngolwesibini, ukuba lizakubukela lomdlalo lilele ebhedini esibhedlele.
Kwimizuzu elishumi elinesihlanu ngaphambi kokuba kuphele umdlalo, iqela laseSouth Korea lithe lafumana umthoba ntliziyo wenqaku elinye elifakwe nguPaik Seung Ho.
Ilizwe laseBrazil lijonge ukuqubisana neCroatia kumdlalo owandulela amagqibela kankqoyi, nalapho kulindeleke ukuba uluhlu lwamaqela azakudlala kumjikelo wamaqela asibhozo okugqibela luqinisekiswe ngolwesibini, emva kokuba iMorocco idlale neSpain kunye nomdlalo ophakathi kwe Portugal kunye neSwitzerland.
Umfanekiso ongasentla: Ngu Neymar
Imvelaphi yomfanekiso: @FifaWorldCup