
Ngu Arthur Green
Abasegunyeni sele befumene imizimba yabantu abalishumi elinesine, emva kokuba amarhamente alishumi elinesihlanu athi akhukhuliseka, zizikhukhula kumlambo iJuskei River eJohannesburg ngomgqibelo.
Isikhululo sezemililo eSandton siqinisekisile kwiphepha ndaba iEyewitness ukuba imizimba esixhenxe ifunyenwe ngeCawa, emva kokuba emibini ifunyenwe kulomlambo ngomgqibelo.
Abasemagunyeni bayaqhuba nokukhangela umntu omnye ongekafunyanwa, kummandla iBramley Park.
Ukanti umntu omnye owathi wakhukhuliseka ngethuba kuqhuba inkonzo yobhaptizo wahlangulwa ngabase magunyeni.
“Okwangoku siseza kuqhuba nokukhangela sibone ukuba asinokufumana eminye imizimba kusini na,” sitshilo isithethi seenkonzo ezingxamisekileyo kwisixeko seJohannesburg uRobert Mulaudzi.
“Owona myalezo kubahlali bethu ngowokuba mabaqaphele kakhulu xa besenza lemisebenzi – baqinisekise ukuba basebenza ngobulumko, bayenzele kwindawo ekhuselekileyo bekwa qinisekisa ukuba bayayijongisisa imiqathago yezokhuseleko ukuze zikwazi ukuba zithintelwe iziganeko ezifana nesi.”