Izantyalantyala zemvula zidale umonakalo kwilitye lesikhumbuzo likaHani

Ngu Doreen Mokgolo

Kwiintsuku nje ngaphambi kokuba akhululwe ngengqawule entolongweni umbulali kaChris Hani, isakhiwo sesikhumbuzo sakhe sonakele ngokumandla, sisonakaliswa zizichotho nezandyondyo zemvula.

Ngenjika langa yangoMgqibelo, elinye lamatye akhazimlayo asekelwe ziintsika ezine liwe phantsi lophuka lazingceba, laze lathi saa kwesisikhumbuzo seligqala lomzabalazo.

Unogada kumyezo wesikhumbuzo iNkobi Thomas e-Elispark uthe ngethuba kukhona isichotho, bave isandi sento ewa ngamandla, ingxolo yayo isuka kwesisikhumbuzo.

Xa besiya beyokuphanda unobangela wesisankxwe, bafumane iingceba zesisakhiwo zithe bhazalala kwaye umonakalo umkhulu ngokumandla.

Lo nogada ocele ukuba igama lakhe lingadizwa, uthe akaqondi ukuba ukuwa kwesisakhiwo kube ziziphumo zokonakaliswa ngabantu,

“Isichotho sasisibi kakhulu; eminye yemithi kulommandla yasiphuka neengcambu,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.

“Ndandisoyika ndicinga ukuba igumbi lethu lonogada lingonakala njengoko ilityotyombe.

“Ukuba bekukhona umntu ofuna ukonakalisa esisakhiwo, kwakufanele ukuba wonakalise nelitye lesikhumbuzo sika Chris Hani, elingekho kude kakhulu nesisakhiwo kodwa lasala lingenziwanga nto,” utshilo.

Esisakhiwo samiselwa ngenyanga kaTshazimpuzi ngonyaka ka2015 ukukhumbula igqala elingasekhoyo lomzabalazo, elabulawa kwiminyaka engamashumi amabini anethoba eyadlulayo. 

Kwimbalelwano ekhutshwe ngumbutho weANC eRhawutini, unobhala uTheminkosi “TK” Nciza uthe ukonakaliswa kwesisikhumbuzo “kuyaxhalabisa” kuba kwenzeka ngexesha elinzima kakhulu kwimbali yeli”. Umbulali kaHani, uJanusz Walus kulindeleke ukuba akhululwe entolongweni kwezintsuku zimbalwa zizayo, emva kokuba enikwe ingqawule kwiveki ephelileyo yinkundla yomgaqosiseko, kwisigwebo isiyimbali.

UWalus wafunyaniswa enetyala kwaye wagwetywa ubomi entolongweni ngokubulala igqala elalwela inkululeko ngenyanga yeDwarha ngonyaka ka1993.

Ngonyaka ka 2020 wafaka isicelo sokuba akhutshwe ngengqawule kodwa isicelo sakhe sakhatywa ngumphathiswa wesebe lezobulungiswa uRonald Lamola. Isibheno sika Walus naso sakhatywa yinkundla ephakamileyo yaseRhawutini kunye nekundla ephakamileyo yezibheno, kodwa ekugqibeleni wafikelela kwinkundla yomgaqo siseko, ethe yaphumelelisa isibheno sakhe ngomhla wamashumi amabini ananye kwinyanga yeNkanga. 

Ukanti isigqibo senkundla safumana ukugxekwa kanobom yimibutho yezopolitiko eyohlukeneyo ephambili kweli. Ngomgqibelo, amalungu emibutho yonxantathu wentsebenziswano – iANC, Umbutho wamakomanisi kweli kunye neCongress of South African Teachers Unions – bebebambe uqhankqalazo ngaphambi kwenkundla yomgaqo siseko.  

Abaqhankqalazi bebememelela ukuba lenkundla isitshintshe isigqibo sayo sokukhulula uWalus.

Usihlalo wombutho weANC eRhawutini uPanyaza Lesufi, uchaze esisigqibo njengesenzo esineganabulungiswa.

UWalus akazusiwa kwilizwe lasePoland njengoko imiqathango yokukhululwa kwakhe ngengqawule ifuna abe uchitha ixesha lengqawule yakhe ekwilizwe loMzantsi Afrika.