Imithiswe ngumzala wayo intwazana yaseZimbabwe, hayi utata wayo

NguDalphine Tagwireyi

Intombazanana eneminyaka elithoba yaseTsholotsho, eZimbabwe, ebeleke umntwana oyintombazana ebutsheni balenyanga, kufunyaniswe ukuba ayikhuleliswanga nguyise,njengoko bekurhaneleka. 

Kwingxelo eyothusileyo yomnombo iDNA, olkufumaniseke ukuba lentwazana ikhuleliswe ngumzala wayo oneminyaka elishumi elinesithathu.

IDyunivesithi kaZwelonke Nzululwazi noBuchwepheshe (NUST) eBulawayo, iqale ngokwenza uvavanyo Lomnombo (DNA) kutata walentwazana kunye namanye amadoda amathathu azalana nalentwazana, ingxelo zabuya zibaphika. 

Kuqhutywe kwenziwa olunye uvavanyo lomnombo, lusenziwa kwizizalwane ezikhethiweyo ezikufutshane nalentwazana.

Ukanti lotata uneminyaka elishumi elinesithathu uthathiwe ukuze afumane inkonzo yezoluleko lwengqondo licandelo iVictim Friendly Unit yamapolisa kwilizwe laseZimbabwe, emva kokuba kufuyaniswe ukuba iingxelo zovavanyo lwakhe lweDNA zibonakalise ukuba nguye uyise omntwana. 

P athi, nangona utata walentwazana engengonobangela wokukhulelwa kwayo, y eluvalelweni kuba naye uyatyholwa kl lentwazana. 

Isithethi samapolisa kuzwelonke okwanguselaaffu mkomishinala uPaul Nyathi uthe ukungakwazi kwalentwazana ukuchaza ukuba ngubani uyise womntwana kukhokelele kuvavanyo lo mnombo. 

“Umntwana wayengazange akwazi ukuxela ukuba ngubani utata wosana lwakhe. Yilonto ebangele ukuba sibhenele kuvavanyo lweDNA. Oku kuyinxalenye yophando lwethu, ekusalindeleke ukuba luqhube.” utshilo is aumkomishinala uNyathi

Unontlalontle othethe neqonga lendaba uScroll.Africa uthe, makhulu amathuba okuba ingangabanjwa lenkwenkwe ineminyaka elishumi elinesithathu, kuba kwayona ithathwa njengomntu osemncinane. 

“Ndingakhuthaza ukuba amapolisa kunye nabo basebenzisana nabo ukuba baqinisekise ukuba bobabini ababantwana bafumana ukolulekwa, ukuba lenyewe ichotshelwa ngokwezobulungiswa, utata wosana angabekwa ityala – nto leyo ingesosisombululo sifanelekileyo,” utshilo. 

Ngokokutsho kuka Simon Masanga ongunobhala kwisebe lokuhanjiswa kwenkonzo, abasebenzi kunye nophuhliso loluntu, sele ziphothulwe izicwangcwiso zokukhathalela lenkwenkwana, umama womntwana kunye nemveku yabo. 

“Ukuqukunjelwa kophando lwamapolisa kuzakubaluleka kakhulu ukuze kufunyaniswe ukuba leliphi inyathelo, elizakuthathwa ukuze lomntwana akwazi ukubuyela esikolweni. Aphezulu amathuba okuba angabuyeli kwisikolo saseTsholotsho kuba ezakufumana icalu calulo olumandla ,” utshilo. 

Umfanekiso ongasentla: Intwazana eneminyaka eluthoba yaseTsholotsho kwikhaya eligcina abantwana 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe