
Ngu Buziwe Nocuze
UAndile Lili olilungu lepalamente yephondo laseNtshona Koloni kumbutho weANC, ubanjiwe emva kwezityholo zokuqhwaba inqununu yesikolo, eyinyanzelisa ukuba iphume iphele kumasango esisikolo ngoLwesihalanu.
ULili ongusihlalo webhodi elawula isikolo samabanga aphantsi Inkanini Primary ekhayelitsha, ubanjwe waza wakhutshwa enikwe isilumkiso.
Ethetha neqonga lendaba iScrolla.Africa emva kokukhululwa kwakhe, lo kaLili uzikhanyele izityholo zokubetha lenqununu. Into nje ayithethileyo kukuba ubefuna lenqununu iphume iphele kwesasikolo.
“Khange ndimbeke sandla. Bubu vuvu obo. Ndimfuna engekho kwesa sikolo kuba akanaso isakhono kwaye akazi nto ngomsebenzi wakhe,” utshilo.
Uthe ingxaki anayo nalenqununu kukuba iyohluleka kukuthatha izigqibo malunga nemiceli mngeni ebekwa phambi kwayo.
“Kudala ndimxelela ngotitshala ophinde abengu DJ. Emini usesikolweni, kodwa ebusuku uselonwabeni ungu DJ. Ufika esikolweni eyimfe kukudinwa kwaye abantwana kuquka nowam, abasiphumeleli kwaphela isifundo sakhe,” utshilo uLili.
Loka Lili utyhola ngelithi lotitshala ufika emva kwexesha esikolweni imihla nezolo, kuba uphuma ekuseni umsebenzi wakhe wokuba nguDJ.
“Ikamva labantwana bethu libalulekile. Asizuhlala sisonge izandla esenza unothanda. Inqununu bekufanele kudala imthathele amanyathelo, kodwa ayithethi nto kwaphela.”
Omnye umzali uthe uyakuqonda ukukhathazela kuka Lili, kodwa kufanele anikeze inqununu ixesha yenze umsebenzi wayo.
“Xa engoneliseki, kufanele akrwece isebe lezemfundo ukuba lisombulule lengxuba kaxaka.”
Isithethi sesebe lezemfundo kwiphondo laseNtshona Koloni uBronagh Hammond uthe bathethile nosihlalo wesigqeba esilawula esasikolo, otyholwa ngokuvalela ngaphandle kwamasango inqununu yesikolo.
“Asikwazi kuvumela indlela aqubisene ngayo nesikhalazo sakhe. Kukhona imigaqo elandelwayo evumela uthetha thethwano olwakhayo. Sele ingamatyeli aliqela kuthethwa nosihlalo wesisigqeba malunga nale nyewe,” utshilo uHammond.
Isithethi samapolisa kwiphondo leNtshona Koloni uWarrant Officer Joseph Swartbooi uthe amapolisa esikhululo sase Harare abambe indoda eneminyaka engamashumi amane anesixhenxe ngesimangalo sokubetha.
“Umrhanelwa unikwe isilumkiso sokuba avele enkundleni ngoLwesithathu, kwaye inkcukacha ezirhangqe esisehlo zisaphandwa.”
Umfanekiso onagesentla: Isikolo samabanga aphantsi iNkanini Primary eKhayelitsha eKapa.
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe